Ezemidlalo

Wothuswe liwonga uZizipho ogqwese kwiEngen Championship!

Pedro Mapelo|Published

UZizipho Valashiya waseMount Fletcher uwongwe njengosompempe ogqwesileyo kwiEngen Knockout Challenge ebibanjelwe eQonce kwiveki ephelileyo.

Image: Facebook

Ushiyeke ethiwe wambu ngumothuko novuyo obengusompempe kwitumente enkulu ebibanjelwe eQonce. Oku kulandele emva kokuba uZizipho Valashiya echongwe njengoyena sompempe ogqwesileyo kubo bonke oosompempe abavuthele iimpempe kwiEngen Knockout Challenge eqingqithe iintsuku ezimbini eDale College kwiveki ephelileyo.

Ngamaqela ebhola ekhatywayo amakhwenkwe namantombazana, angaphantsi kweshumi elinesibhozo eminyaka, akhuphisene kwitumente ebibanjelwe eBuffalo City Metro okokuqala. Emva kokuqhuba kakuhle emidlalweni, iChippa United neCity Lads FC, zigoduke zithe qhiwu iindebe futhi zizo eziza kumela iphondo emidlalweni kazwelonke.

UValashiya, 21, uxelele I'solezwe lesiXhosa ukuba ebeqala ukuvuthela impempe kwiEngen Knockout Challenge. "Enyanisweni, bendingalindelanga kuwongwa mna ngoba bendiqala ukuya kwiEngen Challenge. Ndicinga ukuba imbasa iluphawu elibonisayo ukuba nyhani ndiyasebenza ngoku," utshilo uZizipho waseMount Fletcher ovuthela impempe kwiSasol League.

Waqala ukuba ngusompempe ngo2022 nangona wayengumdlali webhola yomnyazi. Kwiminyaka embalwa egqithileyo, uZizipho wazibalula ngokuba ngumncedisi kasompempe ogqwesileyo kwiNozulu Youth Tournament ebanjelwa eGcuwa kanye ngonyaka.

Okwenziwe ngulo mfundi waseWalter Sisulu University akothusanga ngoba uyazimisela xa enikwe uxanduva lokuphatha imidlalo yebhola ekhatywayo. Ukukhula kwakhe kungenza azibone ecangcatha emzileni woosompempe abaphambili eMpuma Koloni abaquka uAkhona Makalima ohamba ihlabathi lonke.

"Ndikwelinye inqanaba ngoku futhi ndizimisele ukukhula ngakumbi. Kubalulekile ukwenza umsebenzi ngokugqibeleleyo ngoba hleze kuthi kanti kukho umntu okujongileyo. Mna bendingazi nokuba kuza kuchongwa oosompempe.

"Khange ndicinga ukuba ndingafumana iwonga kukho oosompempe abanamava ngaphezulu kwam. Ndiza kuqhubela phambili nokuvuthela impempe kude kufike ixesha lam. Ndibulela kakhulu inkxaso endiyifumana ebantwini, ngakumbi koosompempe abadala. Andiyeki ngenxa yenkuthazo yabo."