UZakhele Lepasa ukhangela iqela elitsha emva kokwahlukana ne'Orlando Pirates kwiintsuku ezigqithileyo.
Image: Backpage Pix
Obedlalela i'Orlando Pirates, uZakhele Lepasa, ungxamele ukukhaba ibhola kwakhona emva kokugqiba isizini engadlali. UZakhele Lepasa, 28, ukuthethe oku emva kokuba ohlukene nePirates ahleli kuyo iminyaka ebalekayo.
Nangona wayetshisa esithi bhe kwisizini yokuqala phantsi kukaJose Riveiro ongasekhoyo naye, waye wathi cwaka xa iphakathi isizini. Kwisizini elandelayo zange aqhube kakuhle - kodwa ngenxa yokonzakala okuye kwabangela ukuba ahlale engadlali isithuba esingaphezulu konyaka wonke.
Ukonzakala kwayikhonkxa inqubela yakhe kwiPirates nakwiqela lesizwe phantsi kukaHugo Broos omthandayo. Kukhe kwabolekiswa ngaye uLepasa ngathuba lithile kwiSuperSport United ngenxa yokungafumani ithuba kwiPirates.
Ude wahamba uJose Ribeiro engamdlalisanga kwisizini egqithileyo nakubeni ebesele ephuncukile kumonzakalo ombambe ixesha elide. Nangona eye wakhululwa yiPirates kwiintsuku ezidlulileyo - kodwa uye wanethamsanqa lokubizwa kwiqela lesizwe elithatha inxaxheba kwiAfrican Nations Championship (Chan).
Yiyo emenze walambela ukudlala ibhola ekhatywayo ngokupheleleyo njengokuba enethuba engasadlali. ULepasa ukhangela iqela elitsha phambi kwesizini eza kuvulwa ngempelaveki ngemidlalo yeMTN8 Cup.
"Kungandivuyisa ukuzibona ndidlala ebaleni, ndinxibe isikipha sebhola ekhatywayo. Yeyona nto endijonge kuyo mna njengokuba kusondela isizini," utshilo uLepasa owazenzela igama elihle ngethuba efaka igowuli elanceda iTS Galaxy eyabetha iKaizer Chiefs emdlalweni wokugqibela weNedbank Cup kwiminyaka eyadlulayo phambi kokuya kwiPirates.
"Andikwazanga ukudlala yonke isizini egqithileyo ngenxa yokonzakala. Ibiqala ukundehlela into enjalo kwaye iye yadala ukuthandabuza ebomini bam - kodwa ndiza kuzama ukubuyela kwizinga endandikulo ngaphambili ndibuyele nakwiqela lesizwe.
"Ukonzakala kundenze ndalambela ukudlala kwakhona ngoba ndibuvile ubuhlungu bokungadlali ixesha elide. Ndizimisele ukusebenza ngokuzimisela ukuze ndibe ngula mdlali obekade esaziwa ngaphambili," utshilo uLepasa enkampini yaBafana Bafana kule veki.