Amabhokobhoko alungiselela imidlalo yeCastle Lager Rugby Championship
Image: Springboks
Umqeqeshi weqela lesizwe lombhoxo, uRassie Erasmus, uxelele iintatheli ukuba balungiselela iCastle Lager Rugby Championship yalo nyka ekulindeleke ukba ibe nzima.
Amabhokobhoko aza kudlala umdlalo wokuqala ngomhla weshumi elinesithandathu kwinyanga yeThupha xa edibana neAustralia ezama ukubuyisa isidima sayo embhoxweni wehlabathi. Kwiveki ezayo, umqeqeshi weqela lesizwe loMzantsi Afrika uza kubhengeza amagama wabadlali abaza kudlala kwiCastle Lager Rugby Championship yalo nyaka.
Konke oku kuza kwenzeka kamnandi uMzantsi Afrika uyiphumelele yomine imidlalo etshayelele isizini entsha. Bekukhona ukungoneliseki yindlela Amabhokobhoko adlale ngayo ngenxa yeenguqu - kodwa uRassie Erasmus uthembise ngelithi uza kudibanisa abadlali abomeleleyo.
Nakubeni kulindelekile ukubuyiswa kwabadlali abanamava - kodwa abadlali abatsha abaqhube kakuhle baza kulinikwa ithuba lokudlala kwakhona. Amabhokobhoko ziintshatsheli zeRugby Championship emva kokuba egqugqise kunyaka odlulileyo.
"Kubalulekile ukuwalumkela amaqela esiza kudibana nawo. Isibonisile iAustralia ukuba inamandla ngokubetha iBritish & Irish Lions emdlalweni obukwimpelaveki edlulileyo. Nakule iveki iza kuzama ukuqhuba kakuhle. Silindele umdlalo onzima ngokufanayo naxa sidibana neNew Zealand neArgentina," utshilo uRassie ethetha neentatheli kule veki.
Uthe emva kweeveki ezisibhozo zamalungiselelo weRugby Championship, wanelisekile kokwenzeke emidlalweni egqithileyo kwiiveki ezigqithileyo eKapa, eGqeberha naseMpumalanga. "Siza kunyusa umxakatho ejimini kwiiveki ezmbini ezishiyekiley phambi kokudibana neAustralia. Besisoloko sisazi ukuba inzima imidlalo esiza kuyidlala kwiRugby Championship.
Amaqela esiza kudibana nawo anomahluko futhi anezicwangciso zokudlala ngendlela entle. Itumente iza kuba nzima ngoba iAustralia iqhube kakuhle emidlalo eyidlalileyo kutshanje. Iiveki ezishiyekileyo ziza kunika abaqeqeshi ithuba lokuphonononga iqela phambi kokudibana namazwe adlala umbhoxo omhle," utshilo uRassie Erasmus kule veki.