Ezemidlalo

UNasreddine Nabi ubeka okulindeleke kwiChiefs kwisizini ezayo

Pedro Mapelo|Published

Amakhosi edlala neAsante Kotoko SC emdlalweni weToyota Cup obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium kwimpelaveki egqithileyo.

Image: Kaizer Chiefs/WhatsApp

Emva kokugweba indlala yeminyaka elishumi, uNasreddine Nabi unethemba lokuzuza iindebe kwezine eziza kudlalelwa yiKaizer Chiefs kwisizini eza kuqala ngempelaveki. Nangona ephoswe yiMTN8 nakulo unyaka, Amakhosi azimisele ukulwela ukufumana into njengokuba ejongene neBetway Premiership, iCarling Knockout Cup, iNedbank Cup neCAF Confederation Cup.

UNabi ucacisele iintatheli ngokulindeleke kwiChiefs emva kokuba ibethwe yiAsante Kotoko SC kumapenela kwiToyota Cup ebibanjelwe eMoses Mabhida Stadium kwiveki ephelileyo. Amakhosi agqibela ukuphakamisa indebe enkulu ngo2015 kusekho uStuart Baxter,  kodwa nguNabi ophelise indlala yeminyaka elishumi ngeNedbank Cup kwisizini egqithileyo.

Ukungaqhubi kakuhle kwawo Amakhosi akubaphathi kakuhle abaninzi ngoba lelona qela lebhola ekhatywayo elilandelwa kakhulu eMzantsi Afrika. Njengokuba iChiefs ibethiwe emidlalweni emininzi eNetherlands apho ibigxumeke khona iintenthe iiveki ezimbini, umqeqeshi uthe iziphumo zemidlalo yocweyo ayibalulekanga ngoba iyinxalenye yamalungiselelo.

Nangona kunjalo, uyibeke yacaca into ethi iChiefs iza kulwela ukufumana iindebe kwisizini entsha. "Sizimisele ukujongana nomdlalo ngamnye ngexesha kwisizini ezayo. Asibekanga iingqondo zethu kwiBetway Premiership kuphela, kukho iNedbank Cup neCAF Confederation Cup," utshilo uNabi emva komdlalo ubuseThekwini.

Amakhosi aza kulwela zonke iindebe ezikhoyo. "Sizimisele ukulwa ngamandla wethu onke ukuze siphumelele yonke imidlalo yethu. Ewe, soze siyiphumelele yonke, kodwa siza kulwa ukuphumelela.

Amakhosi aza kuvula isizini ngomdlalo aza kudibana kuwo neStellenbosch FC kwiveki ezayo eNtshona Koloni. Ngumdlalo ekulindeleke utake iintlantsi futhi ubonise okungalindeleka kuwo. Njengokuba iStellenbosch iyingozi – kodwa iChiefs iyakwazi ukoxutha amanqaku apheleleyo kuyo.