Ezemidlalo

UMabasa ubeke iliso lakhe kwirekhodi elitsha kwiPirates kwisizini ezayo

Pedro Mapelo|Published

UTshegofatso Mabasa uthi ufuna ukuba ngoyena mdlali onamagowuli amaninzi kwiOrlando Pirates kwisizini entsha.

Image: BackpagePix

Ifolosi yeOrlando Pirates, uTshegofatso Mabasa, ithi izimisele ukwenza imbali ngokuthi ifake amagowuli amaninzi kwisizini entsha. Oku kuphenjelelwa ngumnqweno wakhe uMabasa wokuba ngoyena mdlali onamagowuli amaninzi kwiPirates.

UMabasa, 28, unamagowuli angamashumi amane anesithandathu (46) awafumene emidlalweni elikhulu elinamashumi amathandathu anesixhenxe (167) ukusukela oko wadlalela iPirates. Ingenzeka lo nto ngoba uMabasa ukwazile ukufaka amagowuli aqabele kumashumi amathathu kwiisizini ezimbini ezigqithileyo.

Umntu ophambi kwakhe ngamashumi amahlanu anesibini (52) amagowuli nguBenedict Vilakazi owayedlalela iPirates phambi kokuya eYurophu nakwiMamelodi Sundowns. Phambi kokuqala kwesizini entsha, ifolosi yePirates ivakalise ukuzithemba okukhulu ngoba ifuna igama layo libhalwe kwiincwadi zembali kwelinye lamaqela ebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika.

"Ndizimisele ukusebenza ngamandla kwisizini ezayo. Lishumi okanye ishumi elinanye lamagowuli endiwafunayo ukuze igama lam libhalwe embalini. Ndifuna yenzeke lo nto phambi kokuqala kweAFCON," utshilo uMabasa onelishwa lokungachongwa nguHugo Broos ngabom.

"Ingenzeka le nto ngoba kwinyanga yokuqala yesizini entsha siza kudlala imidlalo emihlanu yeBetway Premiership kube kukho neyeMTN8 emithandathu. Andiboni sizathu esinobangela ndingalophuli irekhodi.

"Ngeke ndizikhathaze ngoxinzelelo ngoba mna ndithetha ngezinto endifuna zenzeke ebomini bam. Yindlela andikhulise ngayo le umama wam," utshilo uMabasa ongomnye wabadlali abanemidlalo engaphezulu kwamakhulu amabini emva kokudlalela amaqela aquka iBloemfontein Celtic eyabhangayo, iMoroka Swallows eyabhangayo neSekhukhune United.

IPirates iza kulwela ukuqhuba kakuhle ngoMgqibelo emalanga xa idibana nePolokwane City emdlalweni weMTN8 eyiphumelele kunyaka ophelileyo okwesithathu amatyeli elandelelana.

Ngaphandle kwamathandabuzo, iPirates iza kulwela ukwenza imbali kwiMTN8 naphantsi komqeqeshi omtsha ongene endaweni kaJose Riveiro ofudukele eYiphutha emva kokuhlala iminyaka esondele kwemithathu eMzantsi Afrika.