Ezemidlalo

UFawaaz Basadien ugxeleshe iindebe kwiMamelodi Sundowns

Pedro Mapelo|Published

UFawaaz Basadien ngumdlali omtsha weMamelodi Sundowns emva kokuthengiswa kwakhe yiStellenbosch FC.

Image: Facebook

Obedlalela iStellenbosch FC uvakalise uvuyo olukhulu emva kokutyikitya isivumelwano sengqesho kwiMamelodi Sundowns kwiveki ephelileyo. UFawaaz Basadien, obefunwa ngapha nangapha ngamaqela aseGauteng, uthengiselwe iSundowns ngemali engachazwanga.

Lo mdlali wasemva kwiqela lesizwe loMzantsi Afrika unethuba elide efunwa yiKaizer Chiefs ne'Orlando Pirates - kodwa ukuthathwa kwakhe yiSundowns akothusanga ngoba inepokotho enzulu. Konke oku kwenzeka nakubeni bekukhe kwavakala iindaba ezithi iSundowns iyathandabuza ngenxa yexabiso lakhe.

UBasadien, 28, ufika kwiintshatsheli zeBetway Premiership enembali entle kakhulu emva kokwenza umsebenzi oncomekayo kwiStellenbosch FC eqhube kakuhle kakhulu kwiisizini ezimbini ezigqithileyo.

Amava awafumene ngethuba iStellenbosch iphumelela iCarling Knockout Cup ngo2023 nakwiCAF Confederation Cup ephume kuyo kwimijikelo yokugqibela kwisizini ephelileyo aza kumnceda kwiSundowns. Mhle kakhulu emva ngoba ngumdlali okrelekrele aphinde abe yingozi xa kusiyiwa phambili ngoba unonyawo oluhle futhi uyakwazi nokufaka amagowuli.

Phambi kokugqama kwiqela laseNtshona Koloni, uBasadien wazenzela igama elihle kwiMoroka Swallows eyabhangayo. Bekulithuba elide efunwa ngamaqela afana neChiefs nePirates - kodwa ingavumi ukumkhulula iStellenbosch.

Emva kokuvumelana neSundowns ngemiba yengqesho, uBasadien uxelele abalandeli bakhe kumakhasi onxibelelwano indlela avuya ngayo. "Masandawana, ndiyakuvuyela ukudlalela iqela lenu. Sendingxamele ukunibona nigcwalise ibala nokuphumelela iindebe," utshilo uBasadien emva kokwaziswa kwakhe ngokusesikweni.

Kungenzeka uBasadien abephakathi kwabadlali abaza kunceda iSundowns xa ithathana neRichards Bay FC emdlalweni weMTN8 Cup ojongwe ngamehlo abomvu ngempelaveki.

Amasandawana abuyele enkampini kwiveki ephelileyo emva kokuthi khebevu ithutyana elifutshane ngenxa yeFifa Club World Cup athathe inxaxheba kuyo kwiiveki ezigqithileyo.