Amaqela amabini, iChippa United neCity Lads FC, ziye zaphakamisa iindebe emva kokugqwesa kwiEngen Knockout Challenge yaseMpuma Koloni ebibanjelwe eQonce.
Image: Engen Sport
Ziintshatsheli ezintsha iChippa United emva kokutshatshela kwiEngen Knockout Challenge ebibanjelwe eQonce. Ngamaqela ebhola ekhatywayo alishumi elinesibini adlalelwa ngamakhwenkwe aneminyaka engaphantsi kweshumi elinesibhozo akhuphisene iintsuku ezimbini zonke eDale College ebisisigqubi sebhola ekhatywayo kwimpelaveki egqithileyo nangona isaziwa kakhulu ngomdlalo wombhoxo.
Ibikokokuqala le tumente yophuhliso nexhaswa nguEngen idlalelwa eBuffalo City Metro ukusukela oko yabakho. Kuphele iintsuku ezimbini abantwana bephondo leMpuma Koloni bedlala umdlalo abawuthandayo kweyona tumente esemgangathweni ophezulu nephambili ebholeni yaseMzantsi Afrika.
Injongo ibingekuphumelela indebe nje kuphela, abanye abadlali badlale kakuhle kuba befuna ukubonwa ziintlola zebhola ekhatywayo ezikhangela italente. Yiminyaka engaphezulu kwamashumi amabini iEngen Knockout Challenge ikhiqiza abadlali abazenzele igama kwiPremier Soccer League nakumanye amazwe ehlabathi.
Emdlalweni wokugqibela, iChippa United ibethe iRed Lions ngamagowuli amabini eqandeni (2-0) emva koko yaphakamisa indebe. Isiqendu sale tumente silandele emva kweyaseNtshona Koloni naseGauteng eziqhube kakuhle kwiiveki ezigqithileyo.
Kanti kwelinye icala, nawo amantombazana ebedlala eyawo imidlalo. Iphumelele iCity Lads emva kokuba ibethe iNav Galaxy ngegowuli elinye eqandeni (1-0) emdlalweni wokugqibela eQonce ebinenkwankca yasebusika. Oku kuthetha ukuthi iChippa neCity Lads ziza kumela iMpuma Koloni kwimidlalo yamaphondo onke.
Amawonga etumente ahambe ngolu hlobo:
Emakhwenkweni:
Goalkeeper of the tournament Andiphile Ngoqo – UTD Professionals
Defender of the tournament Athabile Frans – Maria Louw
Midfielder of the tournament Josh Drachoender – Chippa United
Top Goalscorer Qhamani Gubevu – Chippa United
Striker of the tournament Zukanye Mdila – Red Lions
Coach of the tournament Masexole Mathyu – Red Lions
Player of the tournament Josh Drachoender – Red Lions
Fairplay team of the tournament – Real Aces
Referee of the tournament – Zizipho Valashya
Emantombazaneni
Goalkeeper of the tournament – Mlibokazi Sikhusa (WSU)
Defender of the tournament – Sikelelioa Mhlanga (City Lads)
Midfielder of the tournament – Agcobile Manengela (City Lads)
Top Goalscorer – Carlyn Ellie (Caledonian FC)
Striker of the tournament – Endinako Njengele (Nav Galaxy Ladies)
Coach of the tournament – Lumka Mjana (City Lads)
Player of the tournament – Sikelelioa Mhlanga (City Lads)
Fair play team of the tournament – Bay Stars Ladies