Ezemidlalo

URassie Erasmus uza kutshintsha igiya emidlalweni yeRugby Championship

Pedro Mapelo|Published

Umqeqeshi wamaBhokobhoko uRassie Erasmus.

Image: Backpagepix

Njengokuba iqela lesizwe lingena kwesinye isigaba sesizini entsha, uRassie Erasmus uthi uyekile ukuqhelisa, ngoku uza kuzama ukudibanisa abadlali abanamava. Umqeqeshi ukuthethe oku emva kokuba Amabhokobhoko engombe iGeorgia ngo'55-10 emdlalweni wovavanyo obubanjelwe eMbombela Stadium, eMpumlanga. Kanti phambi koko, Amabhokobhoko abethe i-Italy emidlalweni emibini eKapa naseGqeberha ngokulandelelana. Kuyo yonke imidlalo emithathu egqithileyo, uRassie Erasmus unike abadlali abatsha amathuba okudlala.

Kuyo yonke imidlalo, abekhona amakhwiniba kwiindawo ezithile. Kodwa phantse bonke abadlali abatsha benze umsebenzi omhle. Umqeqeshi uthe ukuhlonyelwa kwabadlali abatsha kuyiphazamisile indlela adlala ngayo Amabhokobhoko.

"Isonwabisile indlela esiqhube ngayo emidlalweni yethu emine. Sikwazile ukusondela kumanqaku angamashumi amahlanu ngaphandle koweItaly," utshilo umqeqeshi weqela lesizwe lombhoxo emva komdlalo obunzima eMpumalanga apho enze iinguqu eziliqela kwakhona emdlalweni.

"Isebenzise amandla iGeorgia, kodwa andizami ukuyenza isebe lokusithela lo nto emva kokwenza iimbazamo ezininzi. Kakade xa usenza iinguqu kwiqela lakhe, izinto ezinjalo zilindelekile," utshilo uRassie Erasmus ekulindeleke abhengeze iqela elomeleleyo phambi kwemidlalo elushica kwinyanga ezayo.

Amabhokobhoko aza kudibana neAustralia neArgentina ngokulandelelana emindlalweni yeRugby Championship. URassie namakhwenkwe wakhe baza kukhangela indlela yokucutha iimpazamo ukuze bakhusele indebe yeRugby Championship.

"Emidlalweni ezayo, siza kumane sihlomela umdlali okanye ababini kwiqela eliza kube linabadlali abanamava ukuze sikwazi ukubuyela kwindlela esiqhele ukudlala ngayo," utshilo uRassie Erasmus emva komdlalo odlulileyo eMpumalanga. Kwinyanga ezayo uMzantsi Afrika uza kunyathelana neAustralia esazama ukubuyisa isidima sayo embhoxweni. Emva kwayo wamkela iArgentina kulandele iNew Zealand ekuthambekeni kwalo nyaka.