Ezemidlalo

Zibuyile iziqwayi zeSpringboks phambi komdlalo oseMpumalanga

Pedro Mapelo|Published

USiya Kolisi noMarco van Staden ngabadlali beqela lesizwe loMzantsi Afrika.

Image: Backpagepix

Emva kokuphumelela imidlalo emithathu ngaphandle kwabanye abadlali abaziwayo, uRassie Erasmus ugqibe kwelokuba abophe iqela elomeleleyo phambi komdlalo ongempelaveki. Amabhokobhoko aza kuqubisana neGeorgia emdlalweni ekulindeleke ukuba utake iintlantsi emalanga ngoMgqibelo, eMbombela Stadium.

Iqela likaErasmus liya emdlalweni olandelayo ukuzithemba kuphezulu emva kokuba livuthulule i-Italy ngo'45-0 emdlalweni otake iintlantsi eNelson Mandela Bay Stadium, eGqeberha, ebigutyungelwe yingqele. Kwiinzame zikaRassie Erasmus zokuqinisekisa ukuba bonke abadlali bakhe bakulungele ukudlala, ufake amagqala wakhe angekadlali ukusukela oko kuqala imidlalo yale sizini.

USiya Kolisi, ophoswe kukudlalela kowabo eGqeberha, uza kukhokela iqela lesizwe emdlalweni oseMpumalanga. Abanye abadlali ekulindeleke badlale baquka uEben Etzebeth, uRG Snyman noFaf De Klerk. Kanti abadlali abatsha abafana noVincent Tshituka, Asenathi Ntlabakanye noEthan Hooker baza kufumana elinye ithuba lokudlala kwakhona.

Umqeqeshi uchaze isizathu sokufaka abanye babadlali abangadlalanga emidlalweni egqithileyo. "Besifuna ukudlalisa uSiya siqinisekile ukuba uphile qete. Kuyasivuyisa ubukho bakhe nabadlali abaquka uBoan, uMarnus noNeethling abafumene ithuba lokudlala emva kokuqhuba kakuhle ejimini," utshilo uRassie Erasmus ethetha neentatheli ngoLwesibini wale veki.

Uxakekile umqeqeshi ngoba unemiqheliswa emininzi afuna idlale ancwase ithathe iindawo zabadlali abadala phambi kwetumente yehlabathi elandelayo. "Silindele iGeorgia elushica. Isebenzisa kakhulu amandla kwiindawo eziyingozi ebaleni. Inabadlali basemva abayingozi.

"Lo nto ithi kufuneka silungiselele umdlalo osemgangathweni ophezulu ukusukela emva naxa kusiyiwa phambili," utshilo umqeqeshi. Uyibethelele into ethi kubaluleke kakhulu kubo ukwakha iqela elomeleleyo. Kulindeleke ukuba adlalise amagqala kakhulu emdlalweni yeChampionship, kodwa axutywe nemiqheliswa azama ukuyihlomela kwiqela lesizwe.