Ezemidlalo

UMzantsi Afrika ujamelana neSenegal ukhuthazekile emva kokungcwaba iMali

Pedro Mapelo|Published

Abadlali boMzantsi Afrika emva kokubetha iMali ngamagowuli amane eqandeni emdlalweni weWafcon kaGroup C.

Image: CAF/Facebook

Kufunqukile ukuzithemba kumanenekazi oMzantsi Afrika emva kokudlala kakuhle emdlalweni ogqithileyo. ABanyana Banyana bangcwabe iMali ngamagowuli amane eqandeni emdlalweni weWomen's Africa Cup of Nations (Wafcon) ebusuku ngoMvulo wale veki eHonneur Stadium.

Iqanda liqhufuzwe ngegowuli elifakwe nguLebohang Ramalepe emva kwakhe kulandele elihle elifakwe nguRefiloe Jane. Kwisigaba sesibini, uHildah Magaia noRonnel Donnelly babethelele izikhonkwane zebhokisi ekungcwatywe ngayo iMali ephume emdlalweni iphaca.

Ulele ubuthongo uDesiree Ellis ngoba iintombi zakhe zidlale kakuhle futhi zikwazile ukuzibonakalisa ukuba zizimisele ukukhusela indebe njengeentshatsheli zeAfrika ezikhuselayo. Bekukho inkxalabo emva kwemidlalo emibini yokuqala kuGroup C.

Emdlalweni wokuqala, aBanyana Banyana bayibetha iGhana ngamagowuli amabini, kodwa umdlalo wabo wawungancumisi. Basinda kwiTanzania ababambana nayo ngegowuli elinye macala. Emdlalweni wesithathu, aBanyana Banyana balungise iimpazamo bakugqibela bavala isigaba sokuqala seWafcon behleli phezulu kuGroup C.

Umqeqeshi uvakalise uvuyo nokwaneliseka ngumsebenzi omhle owenziwe ngabadlali bakhe emdlalweni obalulekileyo. "Besisazi ukuba indlela esidlale ngayo emidlalweni egqithileyo ayikho kumgangatho wethu. Siye senza izilungiso noxa iziphumo ziye zingabonakali kwangoko. Kodwa indlela esidlale ngayo namhlanje ibonisile amandla wethu," utshilo uDesiree Ellis.

Bonke abadlali bakhe benze umsebenzi oncomekayo ukusuka kwabadlala emva, esiswini ukuya kwiifolosi. Wonke umntu ebesebenzela ukuphumelela qha. "Ndifuna ukubaqhwabela izandla umsebenzi owenziwe ejimini. Namhlanje sizibonakalisile ukuba siliqela elisemgangathweni ophezulu. Indlela ibhola ebihamba ngayo ebaleni nesincedisene ngayo iyancomeka kakhulu.

"Kufuneka sisebenzise umdlalo wanamhlanje njengenkuthazo xa sisiya emidlalweni olandelayo," utshilo umqeqeshi emva komdlalo. UMzantsi Afrika uza kudibana neSenegal ngo21:00 ngoLwesihlanu. UDesiree Ellis uthe baza kuphumla kancinci emva koko balungiselele ukudibana neSenegal athi ayilulanga.