UMohau Nkota wePirates eswantsulisana noPogiso Sanoka weSuperSport United ebhangileyo emdlalweni weBetway Premiership kwisizini egqithileyo.
Image: BackpagePix
Emva kokuthengwa kwakhe liqela lebhola ekhatywayo laseSaudi Arabia, obengumdlali we'Orlando Pirates uthumele amazwi ombulelo kubo bonke abamncedileyo kwiinzame zakhe zokuzaliseka iphupha lakhe lokudlala ibhola ekhatywayo kwinqanaba eliphezulu.
UMohau Nkota untingele eSaudi Arabia - ayokudlalela khona iAl Ettifaq Club edlala kwiSaudi Pro League emva kokuthengwa kwiPirates ngemali engachazwanga. Uhamba kwakhe kothuse abaninzi ebholeni ekhatywayo ngoba ebeqala ukudlala kwiPSL kwisizini ephelileyo.
"Sithi masiqinisekise ukuba iPirates ivene neqela ekuthiwa yiEttifaq Club ngokuyithengisela uMohau Nkota. Yonke into ngoku ixhomekeke phakathi komdlali neqela elitsha. Ukuhamba kukaNkota kuza emva kwesizini yakhe yokuqala kwiPSL adlale kuyo imidlalo engamashumi amathathu anethoba," itshilo ingxelo ekhutshwe yiPirates namhlanje.
Ukuthengwa kwakhe akothusi ngoba ngomnye wabadlali abancinane baqhube kakuhle kakhulu kwisizini egqithileyo. Khange adlale nje kuphela kwiPirates, uyincede ngeshumi elinambini lamagowuli kwisizini yakhe yokuqala.
"Xa ndivala esi sahluko sobomi bam, ndifuna ukubhekisa amazwi ombulelo kubaqeqeshi bam, uMandla Qhogi noMxolisi Mngomezulu. Ndilibulela kakhulu ithuba enindinike lona lokuzalisekisa iphupha lam. Nandithemba emva koko nandixhasa," utshilo uNkota kwingxelo ebhaliweyo epapashwe kumakhasi onxibelelwano izolo.
"Yena uJoseph Makhanya yinto engaphaya komqeqeshi. Iimfundiso zakho zindenze indoda indoda nomntu endinguye namhlanje. Enkosi kumqeqeshi wam, uJose Riveiro. Imfundiso yakho iyakuhlala ihleli ebomini bam.
"Ndonganyelwe yimincili - kodwa kubi kum ngoba ndishiya ikhaya lam lebhola. Ndikhulele kulo ndingumdlali osemncinane ndade ndangumntu endinguye ngoku. Kumnandi kum ngoba ndifumene indebe ebalulekileyo kwiPirates. Ndifuna ukubulela abalandeli abandinike inkxaso. Soze ndilulibale uthando lwenu nezeluleko zenu. Inkxaso yenu yiyo ebindityhala ndade ndangumdlali endinguye ngoku. Ibiliwonga elikhulu ukudlalela nina futhi soze ndinilibale. Ndithi enkosi kusihlalo, abaqeqeshi nakubadlali. Asoze ndililibale ithuba endilifumeneyo lokudlalela iPirates," utshilo uNkota.