UMonnapule Saleng wamkelwe ngezandla ezishushu ngumqeqeshi we'Orbit College emboleke kwiPirates.
Image: BackpagePix
Ucwayitile umqeqeshi we'Orbit College ukusukela oko kuthe kwaqinisekiswa ukuba uMonnapuleng Saleng uza kudlalela iqela lakhe. Kuye kwabolekiswa ngaye uSaleng kwiqela laseNorth West emva konyaka wonke engasadlali kwi'Orlando Pirates.
UPogiso Makhoye uvakalise uvuyo olukhulu ngoba uSaleng ngumdlali amaziyo ngoba wayeqale ukudlala phantsi kwakhe phambi kokugqama kwiPirates. Iingxaki zikaSaleng ziqale ekupheleni kuka2023 mhla kwakuvakala ukuba ufuna umvuzo ophucukileyo. Zange adlaliswe ukusukela ngoko.
Ukuhamba kwakhe okwethutyana kuza kumnika ithuba elihle kwi'Orbit College lokuvuselela isakhono sakhe sokudlala ibhola ekhatywayo aziwa ngayo. Iqela laseMntla Ntshona linyuselwe kwinyanga ephelileyo kwiBetway Premiership emva kokuba liqhube kakuhle kwimidlalo yokuxabangela (PSL Play-offs) edlalwe ngamaqela amathathu.
Ngoku lizama ukuqinisa iindawo ezithile ngabadlali abanamava. "USaleng uyakuvuyela ukudlalela thina. Asingeke sikwazi ukuthatha umntu ongafuniyo ukuza kuthi," utshilo uMakhoye kwincoko abenayo kwiRadio 2000. USaleng, 27, ngumdlali osemgangathweni ophezulu. Eminyakeni ayidlale kwiPirates, akekho umntu oyithandabuzayo italente anayo.
Uza kulinceda iqela elitsha ukuba bakhona abanye abadlali abanokwazi ukubambisana naye. "USaleng ndithetha naye yonke imihla ngoba ufana nokuba ungunyana wam. Uzimisele ukusincedisa. Nangona esuka kwiqela elikhulu, yona ibhola iyafana. Uyalazi iqela lethu, uyandazi futhi uyayazi nento efunekayo kuye. Ndim umntu owancedayo ukuze abe ngumdlali anguye namhlanje. Zininzi iindawo anokuzidlala," utshilo umqeqeshi.