Ezemidlalo

Umqeqeshi uxela indawo afuna iphuculwe yiPirates kwisizini ezayo

Pedro Mapelo|Published

Umqeqeshi weOrlando Pirates uziqaphele iindawo ezifuna ukulungiswa phambi kokuqala kwesizini entsha kwinyanga ezayo.

Image: OP/Facebook

Emva kweeveki ezimbini exhuzula imikhala, uAbdeslam Ouaddou uphawule iindawo ezifuna ukusetyenzwa ngamandla ukuze iOrlando Pirates ikwazi ukuphumelela indebe yeBetway Premiership.

Umqeqeshi omtsha ukhokele iPirates kwiveki ephelileyo ngethuba isiya eSpain apho igxumeke khona iintente okwethutyana ngenxa yamalungiselelo esizini eqala kwiiveki ezizayo. Emva kokuba uJose Riveiro engakwazanga ukubhukuqa iMamelodi Sundowns eminyakeni edlulileyo, uAbdeslam unoxanduva lokuzama naye.

Nangona umfo waseMorocco engenayo imbali yokuthatha iindebe, kodwa abaphathi bePirates banike yena umsebenzi wokuthatha apho ayeke khona uRiveiro ofumene idlelo elibhetele eYiphutha apho aqeqesha khona iAl Ahly etshotsha phambili ebholeni ekhatywayo kwizwekazi leAfrika.

Okubhetele ngaye uAbdeslam kukuba akemtshanga ncam ebholeni yaseMzantsi Afrika. Kwisizini egqithileyo uqeqeshe iMarumo Gallants ayisindise ezembeni emva kokusokola ixesha elide isemsileni. Ngethamsanqa lakhe, iPirates imthengele abadlali abasemgangathweni ophezulu.

Umqeqeshi uvumile ukuba iPirates liqela elilandelwa ngabantu abaninzi kakhulu. "Ndiyawathanda amandla aboniswa ngabalandeli. Kwisizini edlulileyo, ndasuka eBloemfontein ndayokubukela idabi laseSoweto. Abalandeli bePirates neChiefs banentshisakalo engummangaliso. Bafumaneka kwilizwe lonke, bagcwalisa ibala futhi benza ingxolo evakalayo," utshilo uAbdeslam kwiPirates TV.

"Ndicinga ukuba bangalixhasa iqela bangaluncedo olukhulu kakhulu kwiPirates. Babalulekile ngoba ngamaxesha obunzima, ngabo abanika amandla iqela ukuze liphumelele imidlalo," utshilo uAbdeslam ovumileyo ukuba uyalithanda iqela eligcina ibhola, liye phambili lisebenzisa isantya.

"Into endingayithetha kukuba kufuneka siphucule indlela esidlala ngayo kwiindawo ezithile. Xa kulunge zona, mhlawumbi singayiphumelela indebe yeBetway Premiership. Kubalulekile ukuphucula indlela esidlala ngayo emva nokudlala ngokubambisana njengeqela elinye, kodwa andithandabuzi, sineqela elomeleleyo.

"Umsebenzi wam kukongeza emsebenzini omhle owenziweyo ngendlela eyiyo. Kuqhelekile ukudilizwa kwezinto xa kufika umqeqeshi omtsha, kodwa thina kufuneka senze izinto ngobukrelekrele," utshilo umqeqeshi.