Ezemidlalo

UDesiree Ellis uvuma iTanzania esokolise aBanyana Banyana

Pedro Mapelo|Published

ABanyana Banyana babambene neTanzania emdlalweni weWafcon izolo ebusuku.

Image: CAF

UMzantsi Afrika ulamkele inqaku elinye olifumeneyo emva komdlalo obunzima izolo ebusuku. Oku kulandela emva kokuba aBanyana Banyana bebambene ngegowuli elinye macala neTanzania emdlalweni weWomen's Africa Cup of Nations.

Ngumdlalo obunzima kakhulu kwiqela lesizwe loMzantsi Afrika ngenxa yokuzimisela kweTanzania ebisilwela amanqaku amathathu ikwazi ukufumana indawo ebhetele kuGroup C. Nakubeni umdlalo ubuphethwe yiyo - kodwa akubanga njalo ngoba uMzantsi Afrika ikwazile ukufumana igowuli.

Kwisigaba sokuqala, iTanzania itsazise igazi kuqala ngebhola efakwe ngentloko. Belikhona ithuba lokongeza igowuli lesibini ngoba amathuba ebekhona. ABanyana Banyana basebenzise amava bade balizuza igowuli lokulinganisa elifakwe nguBambanani Mbane.

Ngoku banamanqaku mane abawafumene emidlalweni emibini. Lo nto ibathathe yababeka phezulu kuGroup C. Umqeqeshi woMzantsi Afrika, uDesiree Ellis, uvumile ukuba okwenziwe yiTanzania akubothusanga ngoba ilwela indawo ephezulu kuGroup C nokuya phambili kwiWafcon yalo nyaka.

"Besisazi ukuba sifumene amanqaku amathathu, indlela yethu eya phambili iza kube icacile - kodwa asikwazanga ukuphumelela," utshilo uEllis emva komdlalo obunzima ngaphezulu kowokuqala kwiWafcon.

"Akusekho midlalo elula ngoku kwiWafcon. Besisazi ukuba iTanzania iza kulwela ukuhlala kolu khuphiswano. Yilo nto idlale kakuhle emdlalweni wanamhlanje. Sidlale ibhola ngokungxama futhi sikhabela phambili indlela esingaqhelanga ukudlala ngayo," utshilo uEllis. UMzantsi Afrika uza kuvana Amandla neMali kwiveki ezayo ngoMvulo.