Bangaphaya kwekhulu abantwana besikolo abaphuma eMpuma Koloni abaza kumela iphondo kwitumente yezemidlalo kazwelonke KwaZulu-Natal.
Image: iStock
ISebe lezeMidlalo, uLonwabo, uBugcisa neNkcubeko lisebenzisana neSebe lezeMfundo, liza kuthumela abantwana besikolo abangaphaya kwekhulu (133) abaza kumela iphondo leMpuma Koloni kwitumente yezemidlalo iWinter National School Sport Championships ukususela ngomhla we11 ukuya kowe15 kweyeKhala 2025 KwaZulu-Natal.
Iqela, ebelisenkampini eKokstad iintsuku ezintathu lilungiselela le midlalo, liza kuba nomsitho wokuthi ndlelantle ngoLwesihlanu, umhla we11 kweyeKhala 2025 ngentsimbi yeshumi kusasa eKokstad College ngenjongo yokukhuthaza nokubonisa inkxaso kubathathi nxaxheba abaza kumela iphondo kwi2025 Winter National Championships, uqinisekise watsho uAndile Nduna weSebe lezeMidlalo, uLonwabo, uBugcisa neNkcubeko.
Iqela laseMpuma Koloni likhethwe kwitumente yephondo iProvincial Winter Games ebibanjelwe eMonti kwinyanga ephelileyo, kweyeSilimela 2025.
UNduna uthe eyona njongo iphambili yale nkqubo yemidlalo ezikolweni kukuqinisekisa ukuba izikolo zamabanga aphantsi nezamabanga aphakamileyo zinikwa ithuba lokuthatha inxaxheba kumdlalo omnye ubuncinane.
"Le nkqubo ijonge ukujongana nayo yonke imiqobo ethintela intatho nxaxheba ngokubanzi kwimidlalo yezikolo ngokubonelela ngezinto eziyimfuneko, abasebenzi, kunye namathuba okhuphiswano," utshilo uNduna.
Kuthiwa le midlalo iza kudlalwa iquka umbhoxo (under 15), ibhola ekhatywayo (under 15) nebhola yomnyazi (under 16 & under 19) – abafundi abaneemfuno ezizodwa okanye abakhubazekileyo nabo baza kuthatha inxaxheba.