Ezemidlalo

IDowns yenze imbali kwiFIFA Club World Cup

Pedro Mapelo|Published

Abadlali beMamelodi Sundowns bevuyela igowuli emdlalweni weFIFA Club World Cup.

Image: Mamelodi Sundowns

Kugquba umoya omhle enkampini yeMamelodi Sundowns emva kokuba izuze impumelelo yayo yokuqala kwiFIFA Club World Cup ebanjelwe eMelika (USA). Oku kulandela ukuguqisa phantsi kwayo iUlsan HD emdlalweni obuse-Inter&Co Stadium kwisixeko saseFlorida.

Igowuli elinike iintshatsheli zeBetway Premiership impumelelo lifakwe ngu'Iqraam Rayners kwisigaba sokuqala somdlalo. Amasandawana ngawona ebenamandla emdlalweni wonke - kodwa kuye kwanyanzeleka asebenze ngoba izamile ukulwa iUlsan HD.

URayners yeyona ndoda ebiyinkathazo emdlalweni. ISundowns ngeyiwuphumelele ngenqwaba yamagowuli umdlalo obungentseni yanamhlanje (Lwesithathu) - kodwa ngenxa yokungenelela kweVAR, amagowuli amabini kaRayners iwakhabile.

Ukuphumelela kweSundowns yinto enkulu ngoba ibiqala ukuphumelela umdlalo kwilinge layo lesibini kwiFIFA Club World Cup. Abanye abadlali abenze umahluko omkhulu emdlalweni baquka uThemba Zwane Arthur Sales noLucas Ribeiro oncedisileyo kwigowuli likaRayners.

Ngoku iSundowns ihleli phezulu kuGroup F emva kokuba iBorussia Dortmund ibambene ngeqanda neFluminsnse emdlalweni obuseMetlife Stadium, eNew Jersey. Ngokuphumelela umdlalo wokuqala, iDowns iza kufumana iR36-million eyibhonasi.

Emva kokuba uZwane edlale kakuhle, uMiguel Cardoso uye wanyanzeleka ukuba athethe ngaye ngoba wagxekwa kakhulu ngokungamsebenzisi kwiCAF Champions League eyabethwa ekugqibeleni iSundowns ingamsebenzisanga. UCardoso uthe umdlalisile uZwane hayi kuba kwabakho ingxoxo ngaphambili.

Ethetha ngomdlalo wokuqala, uCardoso uthe bekunzima ukoyisa iUlsan HD. "Sonwabe kakhulu emva kokuzuza impumelo ngoba kuzaliseke umnqweno weqela. Injongo yethu kukugoduka siphumene impumelelo kule FIFA Club World Cup," utshilo uCardoso ethetha neentatheli emva komdlalo.

"Umdlalo ubumhle futhi siwudlale ngendlela ebesizilungiselele ngayo. Isiqingatha sethu sokuqala besisihle kakhulu - kodwa bekubalulekile ukugcina yonke into phantsi kolawulo lwethu. Ndivuyela abadlali abavuyise abantu belizwe," utshilo uCardoso. Ngoku iDowns iza kudibana neBorussia Dortmund ebusuku ngoMgqibelo.