Mokwena says goodbye to Wydad URulani Mokwena uncwase ukuqeqesha i'Orlando Pirates emva kokushiya iWydad Casablanca ekupheleni kwesizini.
Image: BackpagePix
Njengokuba i'Orlando Pirates ikhangela umqeqeshi omtsha emva kokuhamba kuaJose Riveiro, baninzi abantu abanomdlalo wokufumana isikhundla asishiyileyo. URulani Mokwena akakuchasanga konke konke ukubuyela kwiPirates xa ithuba lokwenza oko livela.
Oku ukuthethe kwinkqubo yezemidlalo kutshanje kwiSuperSport TV. UMokwena, 38, ukhe waxhuzula imikhala kwiPirates eminyakeni edlulileyo - kodwa esedyongo. Ngoku yinkwenkwe futhi enazo neendebe phantsi kwegama layo.
Akanalo iqela aliqeqeshayo okwangoku uMokwena emva kokugxothwa yiWydad Athletic Club ekupheleni kwesizini ka2024/25. Uchithe isizini ephelileyo eqeqesha eMorocco - apho aye emva kokugxothwa yiSundowns nangona waphumelela indebe yeBetway Premiership neAfrican Football League.
Khange akwazi ukuyigqiba isizini eMorocco ngenxa yokungabhatalwa kwakhe iinyanga nokungoneliseki kwabaphathi ziziphumo. Unembali uMokwena ngoba abantu bakowabo babekhona kwiPirates isakhiwa kwiminyaka yakudala.
"Ndingakuqwalasela ukubuyela kwiPirates xa kuvela ithuba. Liqela elikhulu futhi kusekhona nabantu abasentliziyweni yam phaya kuyo. Ndiyakholwa nguGqirha Irvin Khoza futhi unendawo ekhethekileyo entliziyweni yam," utshilo uMokwena ongazange aqhube kakuhle ncam kwiPirates kwiminyaka egqithikeyo.
Wayengumncedisi, waze wangena endaweni kaMilutin Sredojevic owawunikela umva uMzantsi Afrika engabhngisanga. Ukhe waqeqesha neChippa United phambi kokubuyela kwiSundowns. Ngoba iPirates ivale isizini ihleli kwindawo yesibini, lo nto ithetha ukuthi iza kubuyela kwiCAF Champions League kwakhona kwisizini ezayo.
Iphoswe yindebe kulo nyaka emva kokubethwa yiPyramids kakubi kwiCAF Champions League. Ikhangela umqeqeshi oza kuqhuba kakuhle kwiChampions League nakwiBetway Premiership. UMokwena noPitso Mosimane baphakathi kwabaqeqeshi ekungenzeka kukhethwe kubo yiPirates kwisizini ezayo ngenxa yamava abanawo ebholeni ekhatywayo.