Ezemidlalo

Isebe leZemidlalo ligxeleshe ukufunqulwa kwamanenekazi emanqindini

Pedro Mapelo|Published

Isebe leZemidlalo kwiphondo leMpuma Koloni livumelene noBoxing SA ngokuxhaswa kwamabhinqa emanqindini.

Image: Boxing SA

Kwilinge lokukhuthaza ukubandakanyeka kwamanenekazi emdlalweni wamanqindi, uBoxing SA nesebe leZemidlalo kwiphondo leMpuma Koloni, bavumelene kwelokuba kufuneka kubekho into eyenziwayo.

Oku kuvele kwintlanganiso ebibanjelwe eMonti kwimpelaveki egqithileyo. Amanqindi yinto enkulu eMpuma Koloni - kodwa kukho ukufuduka kweembethimanqindi okuxhalabisayo ngenxa yokuswela inkxasomali. Kwelinye icala, iimbethimanqindi ezingamanenekazi azinikwa amathuba kakuhle ngabathelekisi.

Entlanganisweni kuvunyelwene ngokubanjwa kweetumente zamanqindi kwizithili ezithandathu eMpuma Koloni kulo nyaka. Zonke ziza kuququzelelwa ngabathelekisi futhi ziphathwe ngamanenekazi odwa.

Konke oku kuza kwenziwa phantsi kwenkqubo yophuhliso ekhokelwa lisebe leZemidlalo. UMnu. Awethu Zumana, onguMphathi wesebe leZemidlalo, uvumile ukuba kukho imfuneko yokufunqula umdlalo wamanqindi ngokuthi kubekho ukusebenzisana phakathi kwabamanqindi nabezoshishino.

"Abathelekisi ngoosomashishini abanoxanduva lokhulisa icandelo lezamanqindi ngokuthi bakhangele abatyalizimali. Thina silisebe sikhupha imali yophuhliso, hayi eyokuba benze ingeniso," utshilo uMnu. Zumana, okwabhengeze imali yophuhliso ekhutshwe lisebe engaphezulu kwesigidi serandi (R1,2-million) nenye engamakhulu amathathu amawaka erandi (R300,000) eza kuxhasa amanenekazi.

Entlanganisweni kuvunyelwene ngokubandakanya imilo yamanenekazi kwitumente nganye ukuya phambili. "Singamabhinqa, kukhona ukucinezeleka esikuvayo. Igalelo lethu alithathelwa ngqalelo. Amantombazana makakhuthazwe ukuze akwazi ukuthatha inxaxheba emdlalweni wamanqindi," utshilo uSibongile Matiti-Mpofu onguSosiba wombutho wabathelekisi eMpuma Koloni.

"UMnu. Mandla Ntlanganiso weBoxing SA uqinisekisile ukuba iMpuma Koloni inawo amandla okwenza indima ebonakalayo emanqindi watsho ekhuthaza abathelekisi abangamanenekazi ukuba bafake izicelo zokuququzelela iitumente zamanqindi.