Ezemidlalo

Ulutsha luza kuqaqambisa italente yalo kukhuphiswano lwezemidlalo eMonti

Cwayita Nondula|Published

Abantwana bezikolo baza kuthatha inxaxheba kukhuphiswano lwezemidlalo eMonti nalapho baza kube beqaqambisa italente yabo.

Image: Adobe Stock

ISebe lezeMidlalo, uLonwabo, ubuGcisa neNkcubeko eMpuma Koloni libambisene neSebe lezeMfundo, liza kusingatha ukhuphiswano lweMidlalo yaseBusika yePhondo ngoMgqibelo, umhla we7 kweyeSilimela 2025 eMonti.

Olu khuphiswano lwezemidlalo kulindeleke ukuba ludibanise abafundi abasuka kwiphondo liphela ukuze bakhuphisane kwimidlalo emithathu emikhulu efana nebhola yomnyazi, umbhoxo, nebhola ekhatywayo.

ISebe lithe olu khuphiswano lwezemidlalo lujolise ekukhuthazeni intatho nxaxheba ebonakalayo kwimidlalo yezikolo, ibonelele ngeqonga lokuba abafundi bafumane amava okhuphiswano kwinqanaba lephondo, nokuchonga abantwana abanetalente nabathembisayo ukuze baphuhle ngakumbi.

"Ngale midlalo, iSebe likwafuna ukukhuthaza ukusebenzisana, ukuziphatha kakuhle, kunye nomoya wokudlalisana phakathi kwabafundi, ngelixa lifaka igalelo kuphuhliso lwetalente nomanyano olubanzi loluntu kwiphondo," itshilo iSebe kwingxelo.

Olu khuphiswano lwezemidlalo luza kuqala ngentsimbi yesibhozo kusasa kwaye luza kubanjelwa kwiindawo ezahlukeneyo. Umbhoxo nebhola yomnyazi ziza kubanjelwa kwisikolo iBaysville Special School kwaye ibhola ekhatywayo iza kube iseBunkers Hill eMonti ngoMgqibelo kule mpelaveki izayo.