Ezemidlalo

UMpengesi ununusa uBadela ngesikhundla seChippa United

Pedro Mapelo|Published

UMnumzana uSiviwe Mpengesi ngumnikazi weChippa United. Umfanekiso: Pedro Mapelo

Image: Pedro Mapelo/I'solezwe lesiXhosa

Kwilinge likaMnu. Siviwe Mpengesi lokufumana umqeqeshi omtsha, kuthiwa ununusa uSinethemba Badela ngesikhundla sokuqeqesha. Oku kwenzeka emva kokuba uThabo September ekhethe ukuhamba kwiChippa emva kokusongwa kwesizini ka2024/25.

Kuthiwa uSeptember ukhethe ukuhamba ngoba uMpengesi ebeza kumsa kwiDStv Diski Challenge edlalwa ngabadlali abasakhulayo. Ngokutsho kweSABC Sport, uBadela yeyona ndoda ekucingeleka ukuba iza kunikwa umsebenzi nangona ingekavumi.

Ingxelo ngokununuswa kukaBadela ngesona sikhundla esitshisayo ivela emva kokuthi tshitshilili kweendaba ezithi uMpengesi ubuyise uSinesipho Mali oza kuba yintloko yezoqeqesho (Director) kwiChippa United.

Ubuyela apho wayeqale khona njengomhlalutyi webhola ekhatywayo phambi kokuya kumaqela afana neKaizer Chiefs neSekhukhune United asuka kuyo ngoku. Nangona eza kubamba isikhundla esiphezulu, usengumhlalutyi oncedisa abaqeqeshi kumaqela esizwe aquka aBafana Bafana naBanyana Banayana.

Iingxoxo phakathi kukaMpengesi noBadela kuthiwa ziqhubela phambili. Nakubeni engekalikhuphi litsole, kuthiwa uBadela unawo umdla wokusamkela isikhundla asinikwayo. Oku kwenzeka emva kokuba uBadela echithe iinyanga eziliqela kwiWydad Athletic Clup yaseMorocco - apho ebencedisa khona uRulani Mokwena ogxothiweyo phambi kokuphela kwesizini egqithileyo.

Nangona engenawo amava okuqeqesha kwinqanaba eliphezulu - kodwa usebenzile emaqeleni amakhulu. Abantu baseMonti bebenethemba lokufumana imidlalo ethe chatha emva kokuba kuvakele iindaba ezithi iChippa United iza kufuduka eGqeberha. Iphelele emoyeni lo nto ngoba uMphesi uphinde wasirhoxisa isigqibo sakhe.

Kuthiwa isivumelwane sakhe neNelson Mandela Bay Metro siphelelwa kunyaka ozayo. Ngoku akukacaci kakuhle nokuba uza kwenza njani na kwisizini elandelayo. Kodwa kulindeleke ukuba iChippa United iqhubele phambili nokudlalela eMonti naseGqeberha kwisizini ezayo.