Ezemidlalo

UHugo Broos usithathile isigqibo ngekamva lakhe kwiqela lesizwe

Pedro Mapelo|Published

Hugo Broos Umqeqeshi waBafana Bafana, uHugo Broos, uza kubeka phantsi ebholeni ekhatywayo kunyaka ozayo.

Image: Backpagepix

Kunyaka ozayo, umqeqeshi waBafana Bafana uza kuzichitha iintente eMzantsi Afrika ebuyele elizweni lakhe. Esi sisigqibo uHugo Broos asixelele iintatheli ekuqaleni kwale enkampini aBafana Bafana abalungiselela kuyo imidlalo yobuhlobo ePolokwane.

Isivumelwano sakhe sengqesho siphelelwa kunyaka ozayo emva kwetumente yehlabathi eza kube ibanjelwe eMelika. UBroos, 73, uthi emva kwetumente yehlabathi, uza kubeka phantsi ebholeni ekhatywayo ngoba unethuba elide esebholeni.

Le ndedeba yaseBelgium yafika eMzantsi Afrika ngonyaka ka2001 emva kokunceda iCameroon eyaphumelela indebe yeAfrica Cup of Nations. Wafika kunzima ebholeni yaseMzantsi Afrika. Kwakulithuba elide aBafana Bafana bengasakwazi ukudlala kwitumente yehlabathi, kunzima nokuya kwiAfrica Cup of Nations.

Zange kulunge enyakeni wokuqala - kodwa kuye kwangcono ngoba ukwazile ukuthatha aBafana Bafana wabasa kwiAfcon yonyaka ophelileyo befumane indawo yesithathu. Sele bezibekele indawo kweyalo unyaka. Kwelinye icala, uBroos usecicini lokubuyisela uMzantsi Afrika kwitumente yehlabathi (Fifa Worl Cup) okokuqala ukusukela kweka2010.

"Isigqibo sesithathiwe. Emva kwetumente yehlabathi, ndiza kubeka phantsi njengomqeqeshi ngoba nesivumelwano sam sengqesho siza kube siphela," utshilo uBroos. Uthe yiminyaka esondele kumashumi amane engumqeqeshi.

"Ngeke ndifele ebholeni. Ndaqala ukudlala kwinqanaba eliphezulu ndineshumi elinethoba leminyaka. Xa ndiyeka kunyaka ozayo, ndifuna ukuyohlala nomfazi wam ndiphunge ikofu," utshilo uBroos oza kuqala amalungiselelo weAfcon kungekudala.

Uthe mhlawumbi angasebenza njengomncebisi woMzantsi Afrika okanye elinye iqela elinomdlalo emsebenzini wakhe - kodwa uza kuyenza lo nto ephumle kowabo eBelgium. Ukuba uBroos ukwazile ukusa aBafana Bafana kwitumente yehlabathi, ingayinto enkulu ngoba kuza kube kwenzekile konke awayethembisile ekufikeni kwakhe eMzantsi Afrika.