UNkosinathi Sibisi uza kukhokela aBafana Bafana emidlalweni emibini yobuhlobo emva kokuchongwa nguHugo Broos kule veki.
Image: BackpagePix
Ekuqaleni kwale veki, umqeqeshi waBafana Bafana uchonge uNkosinathi Sibisi odlalela i'Orlando Pirates njengoKapteni wethutyana oza kukhokela emidlalweni yobuhlobo. UHugo Broos usenze isibhengezo enkampini yeqela lesizwe lebhola ekhatywayo ePolokwane - apho kuza kubanjelwa khona imidlalo emibini yobuhlobo.
ABafana Bafana baza kothulana phezulu neTanzania emdlalweni wokuqala oza kube usePeter Mokaba Stadium, eLimpopo, ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya ngoLwesihlanu. Emva koko, uMzantsi Afrika uza kulungiselela ukudibana neMozambique emdlalweni wobuhlobo wesibini oza kube usePeter Mokaba Stadium ngexesha elifanayo ngoLwesibini weveki ezayo.
Abadlali abaninzi, abaquka abeMamelodi Sundowns, ababizwanga kwiqela lesizwe. UHugo Broos ukhethe ukubiza imiqheliswa aza kuyihlomela kwiqela lakhe njengokuba ejonge ukuqala amalungiselelo emidlalo ehlakulela itumente yehlabathi ekunyaka ozayo eMelika ne2025 Africa Cup of Nations eza kusingathwa yiMorocco ekuthambekeni kwalo nyaka.
USibisi ngomnye wabadlali bePirates abaninzi abachongiweyo. Kodwa ngoyena mdlali ekudala ekwiqela lesizwe kwababiziweyo. Uthathe indawo kaRonwen Williams ongumdlali weMamelodi Sundowns elungiselela ukuya kwiFifa Club World Cup kwiiveki ezizayo.
"Kuye kwanyanzeleka ukuba sikhangele inkokeli. Ndicinga ukuba siyifumene apha kuNkosinathi Sibisi. Unawo amava futhi unethuba elide edlalela iqela lesizwe. Wonke umntu uyamhlonipha," utshilo uBroos ethetha neentatheli.
Related Topics: