Ezemidlalo

UMiguel Cardoso ucacisa umahluko phakathi kweSundowns nePyramids

Pedro Mapelo|Published

UPeter Shalulile exhagwe ngabadlali emdlalweni weCAF Champions League obuphakathi kwePyramids neMamelodi Sundowns kwimpelaveki egqithileyo eCairo.

Image: Backpagepix

Bamkelwe ngobubele abadlali beMamelodi Sundowns ekhaya izolo nangona bengaphumelelanga. ISundowns ibuyele ekhaya ingaphethanga nto emva kokuba ibethwe yiPyramids ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweno wokugqibela weCAF Champions League obubanjelwe e30 June Stadium, eCairo, ebusuku bangeCawe egqithileyo.

Okuye kwayibetha kakhulu iSundowns kukungakwazi kwayo ukubetha iPyramids emdlalweni wokuqala ePitoli owaphela ebambene ngegowuli elinye. Ethetha neentatheli emva komdlalo, uMiguel Cardoso uvumile ukuba iSundowns ayenzanga ngokwaneleyo emdlalweni ophunyelelwe yiPyramids.

Abadlali beSundowns benze iimpazamo kwizigaba zozibini zomdlalo eziye zanemiphumela emibi. Ngaphezulu koko, iPyramids ivale kakuhle emva yafaka namagowuli ephumelele ngawo umdlalo. UCardoso uthe iPyramids idlale ngaphezulu kweqela lakhe.

"Xa ndithetha ngokubaluleka kokudlala kwinqanaba eliphezulu, sube ndithetha ngento efana nale yenzeke apha namhlanje. Kunzima ukudlala namaqela asemantla weAfrika. Adlala ngokuzimisela ngamaxesha onke futhi alwela ibhola ebaleni. Ndicinga ukuba thina asiwuqalanga kakuhle umdlalo," utshilo umqeqeshi weSundowns emva komdlalo.

Nangona esithi umdlalo weSundowns ubungembanga xa ewuthelekisa nowePyramids - kodwa yona iyilwele ngamandla indawo ekuyo emidlalweni yomibini. "Ndiyavuma, umdlalo wethu ubungekho kwizinga esilifunayo. Bekufuneka silwe ngendlela eyahlukileyo.

"Ngesiphumelele ukuba besenze umsebenzi ngendlela yethu, singazikhathazi ngokwenziwa yiPyramids. Kwisigaba sesibini, siye salibala ukuba sidinga igowuli ukuze siphumelele - kodwa ke ezo zinto ziyenzeka ngoba singabantu.

"Sinabadlali abasemgangathweni ophezulu - kodwa ukudlala umdlalo onje, yenye into. Masibeke iingqondo zethu kwizinto esingazenza ngoku," utshilo uCardoso. Ngoku iSundowns iqale amalungiselelo weFifa Club World Cup eza kube iseMelika phakathi kule nyanga.