Abadlali beDurban City bevuyela ukunyuselwa kwiBetway Premiership.
Image: Facebook
Iqela lebhola ekhatywayo laKwaZulu-Natal, iDurban City, liza kuthwaliswa isithsaba njengeentshatsheli zeMotsepe Foundation Championship kungekudala. Oku kuqinisekiswe sisigqibo esikhutshwe ngumtshutshisi wePSL ekuqaleni kwale veki.
Nangona sekuphele iiveki ezimbini isizini ivaliwe - kodwa kwiMotsepe Championship zange zinikwe iintshatsheli indebe yazo. Yanyanzeleka iPSL ukuba ifake iziqhoboshi kwinkqubo yayo yesiqhelo ngoba iDJR Stars yamangalela iDurban City ngokudlalisa umdlalo ongabhaliswanga ngendlela eyiyo.
Yasikhaba eso sityholo iDurban City ngelithi yinto engeyonyaniso le ityholwa ngayo. Umtshutshisi wePSL uye waliphonononga ityala emva kokuva kumacala omabini. Emini ngoMvulo wale, umtshutshisi wePSL ukhuphe isibhengezo esithi iDurban City ayinalo ityala.
Lo nto ivule indlela yeDurban City eya kwiBetway Premiership kwisizini elandelayo. Kodwa phambi koko, kufuneka inikwe indebe yayo. Elinye iqela lebhola ekhatywayo ebelifake isikhalazo ngomdlali ibiyiCape Towns Spurs.
Njengokuba iDurban City ifunyenwe ingenalo ityala, ngoku iza kuqala amalungiselelo wayo wesizini ezayo ngokukhulu ukukhululela. Kwelinye icala, iSpurs ithotyiselwe kwiABC Motsepe League emva kokungaqhubi kakuhle kwiMotsepe Foundation Championship.
Nayo ibikhala ngomdlali odlaliswe engabhaliswanga kakuhle yiDurban City. Emva kokuthotyiselwa kweSpurs, kulindeleke ukuba ilahlekelwe yinqwaba yabadlali abasebatsha abafunwa ngapha nangapha ngamaqela ePSL.
Related Topics: