USinesipho Mali kuthiwa ubuyela kwiChippa United apho wayeqale khona kwiminyaka edlulileyo.
Image: Facebook
Iindaba ezithe tshitshilili kumajelo eendaba zithi uSinesipho Mali uza kubuyela kwiChippa United phambi kokuqala kwesizini entsha. UMali, 32, ebesebenzela iSekhukhune United kwisizini egqithileyo njengomhlalutyi obencedisana nabaqeqeshi.
Kuthiwa ubeke phantsi kwiSekhukhune United kuba eza kuthatha isikhundla esiphezulu kwiqela lebhola ekhatywayo eMpuma Koloni. Ubuyela kwiChippa United okwesibini ngoba wayeqale kuyo jengomhlalutyi oyintloko kwiminyaka edlulileyo.
Le ndedeba yaseNgxwalane, eQonce, ifumana umsebenzi omtsha kanti kwelinye icala isebenzela iSouth African Football Association njengomhlalutyi wamaqela esizwe ebhola ekhatywayo.
UMali wanconywa kakhulu emva kweAfrica Cup of Nations (AFCON) ebikunyaka ophelileyo emva kokuba wanceda aBafana Bafana ababuya nembasa yebronze emva kokuvala itumente bekwindawo yesithathu. Akuphelelanga apho, uMali ebeyinxalenye yaBanyana Banyana ngethuba bedlala iFifa Women's World Cup edlulileyo.
Ngokutsho kwengxelo ekhutshwe yiSABC Sport ngempelaveki, uMnu. Siviwe Mpengesi ubuyisa uMali ngoba unesicwangciso esitsha sokuqinisa indlela esebenza ngayo iChippa United. UMali akayiyo idyongo ebholeni ekhatywayo ngoba unezetifiketi (CAF B coaching License, UEFA Elite International Scout Certificate) azifumene kwiminyaka edlulileyo.
Phambi kokukhwetywa kwakhe ngamaqela esizwe ebhola ekhatywayo, uMali ukhe wasebenzela iKaizer Chiefs njengomhlalutyi kwiminyaka edlulileyo. Njengokuba uThabo September ehambile ekupheleni kwesizini ka2024/25, kulindeleke ukuba uMali abe negalelo ekuchongweni komqeqeshi oza kuqeqesha iChippa United kwisizini elandelayo.
Elinye icala aza kusebenza kulo kakhulu uMali lelokukhangela abadlali abanetalente eMpuma Koloni. Kwinyanga ephelileyo, kuvakele iindaba ezithi iChippa iza kufudukela eMonti - kodwa kukho into ethi iseza kuhlala eGqeberha. Kulindeleke ukuba iinguqu zenziwe ingaphelanga le nyanga yeSilimela.
Related Topics: