Ezemidlalo

UJames Moloi uthembisa ngokuqinisa iAthletics South Africa

Pedro Mapelo|Published

UMongameli weAthletics South Africa, uJames Moloi, exhagwe ngamalungu esigqeba sakhe esitsha.

Image: ASA/Facebook

Emva kokonyulwa kwakhe njengoMongameli, uJames Moloi, uthembise ngokuza neenkqubo ezintsha eziza kuqinisa ukusebenza kweAthletics South Africa (ASA). UMoloi uzityande igila emva kokuphumelela ulonyulo obelunzima eSouthern Sun Hotel, eGoli, ngoMgqibelo odlulileyo.

Owayengumongameli weASA, uAleck Skhosana, akaphumelelanga kwilinge lakhe lokukhokela kwakhona. Kwindawo kaSekelamongameli, konyulwe uJohn Mathane oza kusebenza ngokubambisana noJames Moloi.

Abanye abanikwe izikhundla ezibalulekileyo baquka uKesa Molotsane noJean Verter. Ngokutsho kukaSABC Sport, uMoloi uzimisele ukuzama ukufumana abaxhasi ngezimali ukuze akwazi ukugqiba umsebenzi ongagqitywanga phambi kolonyulo lwalo nyaka.

"Isigqeba solawulo esiphelelwe lixesha sizamile ukuthetha neenkampani eziliqela ngenjongo yokufumana inkxasomali. Ezininzi zabonakalisa umdlalo - kodwa zathi zifuna ukubona kukho uzinzo kuqala kwiAthletic South Africa," utshilo uMoloi emva kokunikwa ithuba lesibini lokukhokela.

"Sikwazile ukuyenza loo nto futhi neembaleki zethu ziqhuba kakuhle. Sizimisele ukubuyela kweza nkampani sizibonise inkqubela esiyenzileyo. Okunye okubalulekileyo kuthi kukusebenza ngokubabisana kwisigqeba esitsha siphinde siqinisekise ukuba sihlangabezana nokudingwa ziimbaleki zethu," utshilo uMoloi kwiSABC Sport.

UMongameli weSouth African Sports Confederation and Olympic Committe (SASCOC), uBarry Hendricks, uvuyisene nabo bonke abonyuliweyo kwisigqeba esitsha seAthletics South Africa. UHendricks ucele iinkokeli ezintsha ukuba zikukhawulezise ukuqeshwa kwengqonyela yeAthletics South Africa ngoba sekulithuba elide uTerrence Magogodela elibambela.

UMoloi uthembise ngokuyiqwalasela ngokukhawuleza loo nto. "Yinto yokuqala esiza kuyiqwalasela kwintlanganiso yethu. Sizimisele ukwenza umsebenzi ngendlela ebesithembise ngayo ePalamente. Ukuqhuba kakuhle kweembaleki zoMzantsi Afrika kunokwenzeka ukuba kukona okuhlangule uJames Moloi othe uza kuqinisa umgaqosiseko ukuze iAthletics South Africa isebenze kakuhle.