USihlalo weCape Town City, uJohn Comitis, uthi uza kumangalela iPremier Soccer League ngokophula umthetho wayo.
Image: Facebook
Nangona isizini ivaliwe, zona iingxaki ezijamelene nePremier Soccer League ziyanda usuku nosuku. Oku kucace emva kwengxelo ethi uMnu. John Comitis weCape Town City uzimisele ukumangalela iPSL.
Kwiveki ephelileyo, iCape Town City yehlele kwindawo yeshumi elinesihlanu emva kokuba iSuperSport United ifumene inqaku elinye emdlalweni weBetway Premiership ebambene kuwo ngegowuli elinye macala neGolden Arrows, eLucas Moripe Stadium.
Lo nto ithethe ukuthi yiCape Town City iza kudlala imidlalo yokuxabangela (PSL PlayOffs) namaqela adlala kwiMotsepe Foundation Championship. Umdlalo obuphakathi kweSuperSport United neGolden Arrows wayekwa phakathi ekuqaleni konyaka ngenxa yezibane ezazingakhanyisi kakuhle ebaleni.
Xa umdlalo uyekwe phakathi, umthetho uthi mawudlalwe zingaphelanga iintsuku ezimbini emva kokumiswa kwawo. Kuphele iinyanga lo ungagqityezelwanga. Yiyo lo nto uJohn Comitis esithi iPSL yophule umthetho wayo.
Uthembise ngokufaka isikhalazo ngoba ngokucinga kwakhe, ukugqityezelwa komdlalo weveki ephelileyo emva kweenyanga ezintathu kulichaphazele kakubi iqela lakhe elingathotyiselwa ukuba aliyiphumelelanga imidlalo yokuxabangela.
"Kufanele iSuperSport ithathelwe amanqaku amatathu ngoba yiyo eyophula umthetho. Siza kufaka isikhalazo ngoba okwenzekileyo akulunganga," utshilo uComitis kwiphephandaba langeCawe. Ngokomthetho wePSL, xa umbane ungasebenzi ebaleni ekudlalelwa kulo - iqela elidlalela ekhaya kufanele lizame indlela yokukhanyisa izibane.
Zange iyenze lo nto iSuperSport United ukuze uyekwe phakathi umdlalo. Kwelinye icala, iPSL isajongene namaqela adlala kwiMotsepe Championship alwayo phambi komtshutshisi.
Related Topics: