Ezemidlalo

Wonwabile uSimphiwe Selepe emva kokuhlangula iPirates emdlalweni obuseThekwini

Pedro Mapelo|Published

USimphiwe Selepe wonwabile emva kokunceda iPirates ebidlala naMaZulu kwimpelaveki egqithileyo.

Image: OP/Facebook

USimphiwe Selepe uvakalise uchulumanco emva kokwenza indima ebonakalayo emdlalweni ogqithileyo. Oku ukuthethe emva kokuba i'Orlando Pirates ibambene ngegowuli elinye macala naMaZulu emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eMoses Mabhida Stadium ngoMgqibelo odlulileyo.

Noxa iPirates ingasadlaleli indebe ephunyelelwe yiMamelodi Sundowns - kodwa isebenzela ukuqokelela amanqaku kangangoko inako ide iyigqibe yonke imidlalo yayo yeBetway Premiership. Okuthe kwagqama emdlalweni ligowuli lePirates elifakwe nguSelepe emzuzwini wamashumi asixhenxe anesixhenxe.

UBen10, xa bemteketisa, uthe iqela lakhe lidlale ngendlela engancumisiyo watsho esithi kufuneka ilungiswe lo nto emdlalweni olandelayo. Emva kwesigaba sokuqala esingavelisanga nto, uPatric Maswanganyi ugwaze Umkhonto ekhaya emzuzwini wamashumi asixhenxe anesixhenxe atsho akhokela AmaZulu avale ephakathi kwiTop-8 nakubeni ayiqale kakubi isizini ka2024/25 ebinzima.

"Ndicinga ukuba isiqingatha sokuqala sethu besingesihlanga tu. Asikwazanga ukusebenzisa amathuba esiwafumeneyo," utshilo uSelepe, ongomnye wabadlali abasuka kwiMultiChoice Diski Challenge abanikwe ithuba lokudlala kwiPremier Soccer League balibamba ngezandla zozibini.

"AmaZulu awulawule umdlalo ngoba umdlalo wethu ubungadibananga. Kuye kwanyanzeleka ukuba sidlale bhetele kwisigaba sesibini. Kumnandi kum ngoba nam ndikwazile ukwenza umahluko emdlalweni," utshilo uSelepe ogxininise ukulungiswa kweziphene emdlalweni olandelayo.

Utsho phambi komdlalo wokugqibela wePirates eza kudibana neMagesi FC ngomso e'Orlando Stadium. "Nakubeni singaphumelelanga, besidlalele ukufumana iziphumo ezibhetele kunezi esizifumeneyo.

"Ndicinga ukuba zininzi izinto ekufanele sizilungise phambi komdlalo wethu olandelayo," utshilo uSelepe owaqala ukudlala kwiPirates kusekho uJose Riveiro uhambileyo kwiiveki ezigqithileyo emva kokugqiba kwelokuba akhangele amadlelo aluhlaza eYiphutha.