Ezemidlalo

UNathan unike uCafu umlo oza kuguqula ubomi bakhe!

Pedro Mapelo|Published

URobert Marawa exhagwe nguColin Nathan noPhumelela Cafu oyintshatsheli yehlabathi.

Image: Facebook

Kugqityiwe, uPhumelela Cafu uza kudibana noJesse Rodriguez emlweni oza kube useTexas, eMelika (USA), ngomhla weshumi elinethoba kwinyanga yeKhala kulo nyaka ka2025. UCafu, oyintshatsheli yeWBO World Super-Flyweight, uza kudibana noRodriguez oyintshatsheli kwelakhe icala emlweni ekuthiwa uza kubuguqula ngokupheleleyo ubomi bakhe.

Abasemfuthweni wolwazi bathi uCafu uza kufumana imali eqikelelwa ngaphezulu kwezigidi ezithathu (R3,5-m) nakubeni inkampu yakhe ingaziqinisekisanga ezo ndaba. Emva kokufumana iinkcukacha ezipheleleyo ngomlo ozayo, uCafu ukuvuyele ukuthelekiswa nembethimanqindi ekwinqanaba eliphezulu kwihlabathi.

"Ebekhona amahumhum kwincoko ybaandeli kumakhasi onxibelelwano. Encokweni yam noNathan kwiiveki ezidlulileyo, wathi inkampu kaRodriguez ayikaphendule. Ndothukile xa ndisiva ukuba ndiza kulwa naye. Kodwa ndivuyela ukudibana nembethimanqindi esemgangathweni ophezulu emanqindini wehlabathi," utshilo uCafu kwingxelo ebhaliweyo.

"Ukudibana nembethimanqindi efana noRodriguez kuza kucacisa mhlophe ukuba nam ndiyimbethimanqindi esemgangathweni ophezulu. Nam bendihleli ndikunqwenela ukulwa naye ngoba abantu bathi akabetheki. Mna ndiza kubabonisa abantu ukuba uyabetheka futhi lo nto iza kundiphakamisa kakhulu," utshilo uCafu ethetha ngendodana yaseMelika enconywayo kakhulu emanqindini.

Umlo kaCafu noRodriguez (25) uthathwa njengento enkulu kakhulu ngabomdlalo wamanqindi eMzantsi Afrika. UCafu, ofudukele kwiphondo laseGauteng kunyaka ophelileyo, ube yintshatsheli yehlabathi okokuqala kwa kunyaka ophelileyo emva kokubetha uKosei Tanaka, eJapan.

Izinto zikhawuleze zaguquka akunikela umva iMpuma Koloni njengezinye iimbethimanqindi. "Kusetyenziwe ukuze siwufumane umlo. Iingxoxo phakathi kwam noEddie Hearn zithathe inyanga yonke. Kuhle kodwa ngoba yonke into igqityiwe. UPhumelela uza kufumana ithuba lokulwa nembethimanqndi ephezulu," utshilo uNathan.