Ezemidlalo

Siphise ngawo umdlalo kwiPirates, utshilo uNasreddine Nabi

Pedro Mapelo|Published

Nasreddine Nabi Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uNasreddine Nabi, ethetha neentatheli phambi kwedabi laseSoweto.

Image: ITUMELENG ENGLISH Independent Media

Amakhosi asathokombisile emva kokuhluthwa intlaka isemlonyeni kwakhona. Oku kwenzeke emva kokuba ebethwe yi'Orlando Pirates ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni weBetway Premiership otake iintlantsi eFNB Stadium ngempelaveki edlulileyo.

Ukubethwa kweKaizer Chiefs ibe ziindaba ezimbi kakhulu ngoba kuyigcine kwindawo yeshumi, ithe qelele okwethamsanqa kwiTop-8 eyilwelayo. UNasreddine Nabi uvakalise ukungonwabi kwakhe yindlela edlale ngayo iChiefs emdlalweni odlulileyo.

Nakubeni uGlody Lilepo uyibeke endaweni entle iChiefs ngegowuli elifake emzuzwini wesibini kwisigaba sokuqala - kodwa ayikwazanga ukuvala amazibuko. IPirates igoduke incumile emva kokuphumelela ngamagowuli afakwe nguEvidence Makgopa noRelebohile Mofokeng.

UNabi, oboxheleke emphefumlweni, uxelele iintatheli emva komdlalo ukuba iChiefs iphise ngawo umdlalo futhi bekungafanelanga ukuba ibethiwe eFNB Stadium ebimumathe amashumi alithoba amawaka abathandi bebhola ekhatywayo.

Amakhosi athunukwe yiBucs esangciphuza emva kokubethwa yiMarumo Gallants ngamagowuli amabini kwelinye emdlalweni wakutshanje eFNB Stadium. Awuqale kakuhle kakhulu umdlalo - kodwa oyiswa kukukhusela igowuli lawo nokusebenzisa amathuba avelileyo.

"Enyanisweni size emdlalweni siwulungele. Sifumene igowuli kwangoko futhi besinalo ithuba lokongeza amanye," utshilo uNabi ophantsi koxinizelelo ngenxa yokungaqhubi kakuhle kweChiefs engaphumelelanga namnye umdlalo kwesixhenxe ilandelelana.

"Asikwazanga ukufaka amagowuli umdlalo usaphethwe sithi. Kufakwe igowuli kuthi ngoba asikwazanga ukusonga umdlalo amathuba okwenza oko ekhona. Andiqondi ukuba sibethwa ngenxa yokungazinzi kweengqondo zabadlali.

"Nakulowa sibethwe kuwo yiMarumo Gallants, besihamba phambili asanikwa ipenela ecacileyo engeyitshintshe umdlalo. Ziimpazamo zabadlali abathile ezibangele ukuba sibethwe yiPirates. Siyiphe umdlalo iPirates," utshilo uNabi.