URulani Mokwena ukhululwe yiWydad Athletic Club kodwa angaya kwelinye iqela emva kokuphela kwesizini.
Image: Facebook
Nangona eza kuphoswa yiFifa Club World Cup esemnyango - kodwa yena ukhululekile uRulani Mokwena. Oku kwenzeka emva kokuba iWydad Athletic Club igqibe kwelokuba imnike ikhefu elikhethekileyo kude kuphele isizini.
Xa kuphela isizini yeBotola Pro Inwi, uMokwena uza kwahlukanga ngokupheleleyo neWydad. Phambi kokuqala kwesizini eqhubekayo, uMokwena wanikwa umsebenzi yiWydad AC emva kokugxothwa yiMamelodi Sundowns eyakhala ngokuba akakwazanga ukufumana indebe yeCAF Champions League.
Noxa uMokwena eyishiya ikwindawo yesithathu iWydad - kodwa ubomi bakhe khange bube lula eMorocco. Abalandeli bebengakholwa yindlela eliqhuba ngayo iqela kanti namajelo eendaba ebemphehluzelisa.
Ngaphezulu kunazo zonke izinto, kubekho iingxelo ezithi uMokwena unethula elide engabhatalwa umvuzo wakhe yiWydad eqhwalelayo ezimalini. Lo nto inomthelela kwindlela asebenze ngayo. Emva kokuvana neWydad ngokwahlukana, uMokwena ufumana ithuba lokujonga iindawo ezibhetele anokusebenza kuzo.
"Isigqeba esilawula iWydad Athletic Club sifuna ukuqiniseka ukuba iqela lohlukene ngesihle nomqeqeshi, uRulani Mokwena. Yonke lo nto iza kwenzeka xa kuphela isizini ngokwendlela esivene naye ngayo," itshilo ingxelo ebhaliweyo ekhutshwe liqela. Kuthiwa indawo kaMokwena iza kuthathwa nguAmine Benhachem.
Uza kugqibezela imidlalo emithathu eshiyekileyo emva koko aqinisekile ukuba iWydad Athletic Club iya kwitumente yehlabathi ukulungele ukudlala nooxholovane. Noxa ehamba ngendlela engacacanga, uMokwena uyiphucule iWydad evale isizini edlulileyo kwindawo yesithandathu.
Kukho amahumhum ayamanisa uMokwena nesikhundla esiza kushiywa nguJose Riveiro kwi'Orlando Pirates. Wayeke wayiqeqesha iPirates yamoyisa - kodwa emva kokuqhuba kakuhle kwiSundowns, kungenzeka iPirates imqwalasele kwakhona. Omnye umqeqeshi ekucingeleka ukuba angaqeqesha iPirates kwisizini ezayo nguPitso Mosimane ongenalo iqela.
Related Topics: