Ezemidlalo

UCardoso uthi ukuzithemba kuyincedile iDowns kwiChampions League

Pedro Mapelo|Published

Idlulela phambili iMamelodi Sundowns emva kokubambana neAl Ahly emdlalweni weCAF Champions League odlulileyo.

Image: BackpagePix

Emva komsebenzi omhle owenziwe yiMamelodi Sundowns kwiveki ephelileyo, umqeqeshi wayo uyaziqhenya kakhulu. Yenze umtsi oya emdlalweni wokugqibela iSundowns emva kokuba ibambene ngegowuli elinye neAl Ahly emdlalweni weCAF Champions League obubanjelwe eCairo ngorhatya langoLwesihlanu ogqithileyo.

Ngoba la maqela omabini abambana ngeqanda emdlalweni wokuqala ePitoli, ukufumana igowuli kuyincedile iSundowns emdlalweni wesibini ekhuphe kuwo iAl Ahly. Phambi kokuntingela eYiphutha, uMiguel Cardoso watsho ukuba iSundowns inalo ithuba lokuya emdlalweni wokugqibela weCAF Champions League nokuba idlalela eCairo.

Wakutsho oku emva kokuba iSundowns yayilawule umdlalo ePitoli. Ngethamsanqa leqela lakhe, iAl Ahly yoyisiwe kukuphumelela nakubeni ibiqale yatsazisa igazi phambi kwabalandeli bayo. Ziindaba ezimnandi kuCardoso ngoba besekukhula ukungoneliseki yindlela iSundowns edlala ngayo kutshanje emidlalweni yayo.

Kodwa ufanele kukunconywa ngoba iSundowns khange ityhafiswe ligowuli elifakwe nguTaher Mohamed kwisigaba sokuqala somdlalo. Impazamo eyenziwe nguYasser Ibrahim yimiphumela yohlaselo obelusenziwa yiSundowns.

"Besisazi ukuba siza kudinga igowuli elinye emva koko sivale amazibuko. Senze impazamo kwangoko emdlalweni - kodwa khange sityhafe," utshilo uCardoso echwayitile emva komdlalo. Bekumnandi kuye ngoba ibethe iAl Ahly ebekhe wayiqeqesha ngaphambili.

"Senze iinguqu kwisigaba sesibini somdlalo kuba besifuna ukuhlasela. Konke oku sikwenze sizithembile. Siyifumene impumelelo ngoba besisoloko sisazi ukuba singayifumana. Ukuba ujonga imidlalo elithoba esiyidlale neAl Ahly, kuyo yonke ayikhange iphumelele.

"Bekunyanzelekile ukuba ilumke xa idlala nathi. Ukuthembana yeyona nto esiyibeka phambili," utshilo umqeqeshi emva komdlalo. Emdlalweni wokugqibela, iSundowns iza kudibna nePyramids ebethe iPirates ngo'3-2 komnye umdlalo.