UNolusindiso Booi uzenzele imbali ngokudibanisa amashumi amahlanu emidlalweni kwiqela lesizwe lombhoxo lamantombazana.
Image: Springbok Women/Facebook
Omnye wabadlali abaphambili embhoxweni wamanenekazi, uNolusindiso Booi, ucwayitile emva kokwenza imbali kwiqela lesizwe. UBooi udibanise amashumi amahlanu emidlalo kwiqela lesizwe emdlalweni obungempelaveki egqithileyo eAlicante - apho uMzantsi Afrika ucambalalise iSpain ngo'48-26.
Emva komdlalo khange akwazi ukuzibamba uBooi ngenxa yemincili. Oogxa bakhe kwiSpringbok Women bamenzele okuhle ngokuphumelela umdlalo wovavanyo ngendlela ekhethekileyo efana nomsebenzi awenzileyo embhoxweni. USwys de Bruin, ongumqeqeshi weSpringbok Women, ebelingqina lomsebenzi omhle oveliswe ngabadlali bakhe kwinqanaba eliphezulu.
Emva komdlalo, ubaqhwabele izandla abadlali bakhe ngokwenza umsebenzi ngendlela ephucukileyo. "Umdlalo wethu kwisigaba sokuqala ubucocekile. Sifumene iitrayi ezintle ngendlela ebesizilungiselele ngayo ejimini. Njengokuba silungiselela ukuya kwitumente yehlabathi, indlela esidlale ngayo ibihambelana nendlela esifuna ukudlala ngayo kuyo," utshilo uDe Bruin.
Ukuvuya kwakhe akumfamekisanga kodwa umqeqeshi ngoba uzibomile iindawo ezifuna ukulungiswa eqeleni lakhe ezibhencwe yiSpain ezilweleyo emdlalweni nakubeni iguqiswe phantsi nguMzantsi Afrika ozimisele ukuphucula umdlalo wawo kwitumente yehlabathi.
"Sidlale kakuhle emva. Zikhona iindawo ezifuna sizilungise ngoba siphise ngamanqaku lula kwiSpain. Kowa ngoba besiqala, umdlalo bendiwonwabele futhi sidlale ngaphandle koloyiko. Ndonwabile ngoba iqela lidlale kakuhle," utshilo umqeqeshi.
Naye uKapteni weqela, uNolusindiso Booi, woleke umsundulo ngelithi iqela lesizwe lidlale kakuhle. Akafunanga ukuthetha kakhulu ngemidlalo yakhe engamashumi amahlanu ngaphezulu kunomsebenzi weqela. "Impumelelo ilenze lakhetheka usuku lwam - kodwa ke umdlalo ubungekho ngam.
"Yinto enkulu kum ukudlala imidlalo engaka. Ndibulela bonke abantu abahambe nam endleleni. Sidlale kakuhle futhi wonke umntu makaziqhenye ngomsebenzi awenzileyo," utshilo uBooi emva komdlalo ogqithileyo.
Related Topics: