Ezemidlalo

UJayden Adams uphawula ngomdlalo ophakathi kweSundowns neAl Ahly!

Pedro Mapelo|Published

UJayden Adams ngomnye wabadlali eza kuthembela kubo iMamelodi Sundowns xa idibana neAl Ahly emdlalweni weCAF Champions League emalanga namhlanje ePitoli.

Image: Backpagepix

Omnye wabadlali abaphambili ebholeni yaseMzantsi Afrika, uJayden Adams, uthi ukulungele ukudlala kowona mdlalo ojongwe ngamehlo abomvu kwiAfrika yonke namhlanje. Xa iMamelodi Sundowns ingquzulana neAl Ahly emdlalweni weCAF Champions ngentsimbi yesithathu emalanga eLoftus Stadium, kulindeleke ukuba uAdams abe phakathi kwabadlali abaza kunceda iqela lasePitoli.

Amasandawana adibana nezangxa zaseYiphutha ngexesha elibi ekutshwe kakubi kwiNedbank Cup. Kunyanzelekile kekambe iSundowns iwuphumelele kakuhle umdlalo wanamhlanje ePitoli phambi kokuba iye eYiphutha ngoba phaya iza kudlala kwibala eligcwele amawakawaka akumashumi asixhenxe.

Noxa iAl Ahly ilelona qela eliphambili ebholeni yaseAfrika - kodwa iyabethwa yiSundowns futhi naphambi kwabalandeli bayo. Nakubeni kunjalo, iSundowns kufuneka izimisele kakhulu ukuze yandise amathuba wayo okuphakamisa indebe yeChampions League eyayigqibela kusekho uPitso Mosimane.

UJayden Adams, 23, uyaqala ukudlala kwiChampions League ngoku akwiSundowns noxa ebekhe wadlala kwiCAF Confederation Cup esengumdlali weStellenbosch FC kunyaka ophelileyo. "Amalungiselelo wethu ahambe kakuhle emva kokubethwa kwethu yiChiefs. Siza kudibana neqela elidlala kakuhle kakhulu. Yinto enkulu kuthi futhi siwulungele umdlalo," utshilo uAdams.

Into ekufanele iqiniseke ngokuyenza iSundowns kukufaka amagowuli ngoba iAl Ahly iza kuvala amazibuko kuba inethemba lokujika izinto kowayo emdlalweni olandelayo. "Iingqondo zethu sizibeke ekuphumeleleni umdlalo apha ekhaya ngoba umsebenzi uza kuba nzima xa siseCairo. Kufuneka sifake amagowuli kangangoko sinako ukuze umsebenzi ube khaphukhaphu xa siye kuyo iAl Ahly.

"Sidibana neqela elinamandla kakhulu futhi elikwaziyo ukuphumelela iindebe. Abadlali bayiphose ngasemva into yokubethwa yiChiefs. Iingqondo zethu zisemdlalweni esijongene nawo ngoku. Ndonwabile ngoba lo ngowona mdlalo omkhulu ebomini bam. Iqela lethu lifuna ukuphumelela iindebe," utshilo uAdams.