Ezemidlalo

Alikho elivume ukubethwa phakathi kweSundowns neAl Ahly

Pedro Mapelo|Published

Akubangakho qela eliphumelelayo emdlalweni weCAF Champions League obuphakathi kweMamelodi Sundowns neAl Ahly emalanga namhlanje ePitoli.

Image: Facebook

Bagoduke bophoxekile abalandeli bebhola ekhatywayo emva kokuba iMamelodi Sundowns ibambene ngeqanda neAl Ahly emdlalweni weCAF Champions League obubanda ceke eLoftus Stadium namhlanje emalanga.

Akukho qela elibonakalisileyo ukuba lifuna ukuphumelela emdlalweni konke konke. Bekunqabe namathuba acacileyo - mhlawumbi, kungoba omabini amaqela ebengafuni ukwenza iimpazamo. Omabini amaqela aya emdlalweni wesibini oza kube useCairo engenanto esandleni.

Akukho qela elikwazileyo ukubhalisa ebhodini kwade kwayiwa kwixesha lokuphumla. Umdlalo uqale ngesantya esiphantsi ngoba bekungekho qela elifuna ukwenza iimpazamo kuqala. UMokoena noMarcelo Allande bebenamandla esiswini - kodwa iibhola zabo bezingafiki kakuhle nguPeter Shalulile obegadwe kakhulu ngabadlali beqela ebelindwendwele.

Wona umdlalo ubuphethwe yiSundowns futhi yiyo ebihlasela macala onke. Into engakwazanga ukuyenza kubhakuzelisa umnatha ePitoli. UMatthews noMokoena bazamile ukukhabela ezipalini - kodwa iibhola zabo zibhabhe emoyeni. Akukho nto ingako engabaliswa ngayo iAl Ahly kwisigaba sokuqala.

Into eyenze kakuhle kuluqhawula iibhola ebezisiya kuShalulile. ULucas Ribeiro noKhuliso Modau khange bavunyelwe ukuba basondele kwiindawo eziyingozi. Iphantse yafumana igowuli iAl Ahly ngebhola ebethe epalini sekuphela ixesha. Ngaphandle kwela thuba, ayinkho enye into ebonise ukuba iAl Ahly ifuna ukuphumelela umdlalo.

Akukho nto exhomisa Amahle eyenzekileyo nakwisigaba sesibini. Nangona kunjalo, iAl Ahly iwafakile amagowuli amabini aye akhatywa yiVAR ngenxa yabadlali abebelalele. Okuqaphelekileyo kukungena kukaThemba Zwane owagqibela ukudlala kunyaka ophelileyo ngenxa yokonzakala.

Uzamile ukwenza umahluko - kodwa iAl Ahly ibivale mba emva. Ukungabikho kweqela eliphumeleleyo kuthetha ukuthi iAl Ahly ayikwazanga ukubethwa iSundowns iminyaka emine yonke kwiCAF Champions League.