IMarumo Gallants ibambene neGolden Arrows emdlalweni wanamhlanje.
Image: PSL
Abafana Bes'thende basahleli kwindawo yeshumi emva kokufumana inqaku alinye namhlanje. Oku kwenzeke emva kokuba bebambene ngegowuli elinye macala neMarumo Gallants emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eDr Molemela. Ukuba ibiphumelele iGolden Arrows ngeyingene yathi zabha kwiTop-8.
Njengeqela ebelidlalela ekhaya, iMarumo Gallants yeyona ebinamandla futhi inamathuba acacileyo ukufumana igowuli emdlalweni. Ngelishwa layo, uDaniel Msendami khange akwazi ukuwasebenzisa amathuba avele kwimizuzu yokuqala yomdlalo. Ipenela kaEdgar Manaka ibanjiwe nguEdward Maova.
Kuyiwe kwixesha lokuphumla iyinkwa nenkwa. Kwisigaba sesibini, uJunior Dion ubhakuzelise umnatha emva kokunikelwa ibhola entle nguNemtajela.Ihambe phambini ixeshana elifutshane iMarumo Gallants. UNduduzo Sibiya ufake ipenela enike iGolden Arrows igowuli lokulinganisa.
Ayizoziphumo ezibi ncam kwiGolden Arrows ngoba ibhekele ngoku kumaqela ajijisana notshoba emva. Likhona kodwa ithuba lokulwela indawo yesibhozo esabanjwe yiKaizer Chiefs. Nakubeni iMarumo Gallants ingekaphumi ncam ehlathini - kodwa inqaku elinye emdlalweni wanamhlanje lenze umahluko.
Related Topics: