Ezemidlalo

Ezimbi azipheli kwiRoyal AM

Cwayita Nondula|Published

Isicelo seRoyal AM sokuthintela intlanganiso yePSL asiphumelelanga, ngoku iqela kufuneka lihlawule iindleko.

Image: Ayanda Ndamane/Independent Newspapers

Iinzame zeRoyal AM zokuthintela intlanganiso ebalulekileyo yePSL ebijonge ukuxoxa ngekamva labo kwiPremier Soccer League (PSL) aziphumelelanga, njengoko isicelo sayo siye sakhatywa kwaye ngoku bajongene neendleko ezongezelelweyo zesohlwayo.

NgokweSABC Sport, iqela likaShauwn Mkhize lifake isithintelo enkundleni ngokuchasene nentlanganiso yabalawuli bebhodi yePSL ebihlelelwe ukuba ibanjwe kusasa namhlanje, uLwesine.

Kwiveki ephelileyo iRoyal AM ifumene iivoti ezininzi zokuba kupheliswe ubulungu bayo kwiPSL kwaye iPSL icele ibhodi yabalawuli ukuba ibethelele isikhonkwane kulo mba.

IRoyal AM yanqunyanyiswa ekudlaleni nayiphi na imidlalo yayo ngethuba kuvakala ukuba eli qela liphantsi kwephiko lomntu ochongwe yiSARS ukuba alilawule kweyoMnga wonyaka ophelileyo. Eli lilinge leSARS lokubuyisa ityala lerhafu lezigidi ezingamashumi amane eerandi (R40 million) alityalayo uMkhize.

Ngaphandle kweenzame eziliqela ukufumana isisombululo ezenziwe ngumntu obekwe uxanduva lokongamela eli qela, ezibandakanya ukuthengisa iqela ngokusebenzisa ifandesi, ikomiti yesigqeba sePSL ibone ukuba eli qela alinakuhlangulwa kwaye lacebisa ukuba ubulungu balo bePSL bupheliswe.

Ngoku njengoko iJaji yeNkundla ePhakamileyo yaseGauteng uNomonde Mngqibisa-Thusi isikhabile isicelo sothintelo ngoLwesine, uMkhize ujongene noxinzelelo olongezelelekileyo lwemali njengoko iqela lakhe ngoku kufuneka lihlawule iindleko ngenxa yesi sicelo.