UMesuli Njobende unethemba lokukhula njengosompempe emva kokuzuza iwonga elikhulu kwiNozulu Legacy Cup ebibanjelwe eGcuwa kutshanje.
Image: Anele Raziya
Emva kokuchongwa kwakhe njengosompempe oqaqambileyo kwitumente yalo nyaka, uMesuli Njobende uzingomba isifuba ngomsebenzi wakhe. Le ndedeba yaseGcuwa iqaqambise isakhono sayo sokuphatha imidlalo yebhola ekhatywayo njengosompempe okhulayo kwiNozulu Youth Legacy Cup ebikwiiveki ezidlulileyo.
Emva kokusongwa kwesiqendu setumente, iintlola zetalente emidlalweni zitsho ngazwinye ukuba uNjobende wenze umsebenzi oncomekayo kwitumente ethathe iintsuku ezintathu. Ukusukela ngonyaka ka2023, iNozulu Youth Legacy Tournament ibhence italente yabantwana emangalisayo eGcuwa nabanye abaphuma kwiidolophi ezifana neMonti kwiphondo leMpuma Koloni.
Yinkqubo yophuhliso ekhokelwa nguLuxolo Matikinca osebenza njengomphathi weSekhukhune United edlala kwiPremier Soccer League. Njengomntana waseGcuwa, wagqiba kwelokuba ahlanganise izinto ukuze aphucule izakhono zabanye abantwana ngokwahlukana kwabo.
Baninzi abadlali abaneminyaka engaphantsi kweshumi elinesixhenxe abafumene amathuba ngabaqeqeshi abalole izakhono zabo kwinkqubo yophuhliso ekhokelwa yiNozulu Youth Legacy. Akuphelelanga apho ngoba noosompempe baxhamle kule minyaka emithathu edlulileyo.
UMesuli ngomnye woosompempe abafumene ithuba lokuvuthela impempe kweyona tumente esemgangathweni ophezulu kwiphondo leMpuma Koloni. Emva kokuphumelela kwakhe, uvakalise uvuyo olukhulu. "Ndichulumance kakhulu," utshilo ethetha namajelo eendaba kutshanje.
"Xa uqala ukuba ngusompempe udibana neengxaki ezininzi kodwa sinethamsanqa ngoba sifumana inkxaso ebantwini abakhe bayihamba le Ndlela. Kodwa xa uzibona uphumelela imbasa phakathi koosompempe abaninzi uye uzive ukhulile futhi nokuzithemba kuyafunquka.
"Ndizimesele kakhulu ukuya phambili. Kule nto ndikhuthazwa ngabantu abayenzayo le nto yokuphatha imidlalo abafana noSithela, ooLuxolo Bhad nabanye abaninzi. Ngabona basibonisayo ukuba iyenzeka le nto futhi awudingi ukuba ngumntu waseRhawutini ukuze uphumelele," utshilo uNjobende.
Related Topics: