UThlapie Motsepe uthi bafuna iMamelodi Sundowns iphakamise indebe yeCAF Champions League phambi kokuya kwiFifa Club World Cup kulo nyaka.
Image: MS/Facebook
USihlalo weMamelodi Sundowns, uThlopie Motsepe, uthi bafuna ukuphumelela iCAF Champions League shushu. Le nkokeli yeSundowns ikuthethe oku ngethuba ityelele e-Uganda nezinye iinkokeli - apho kwazalwa khona uDenis Onyango obeyophisa ngezinto zokudlala kulutsha endaweni eyamkhulisayo.
UMotsepe uye wabuzwa ngokugqugqisa kweSundowns ebholeni yaseMzantsi Afrika ziithatheli. Amasandawana aphakathi kwamaqela ambalwa aza kumela iAfrika xa kuqala iFifa Club World Cup eza kube iseMelika kulo nyaka.
"Siliqela sikhokelisa ukumsebenzi ogqibeleleyo, ukuthobeka nentlonipho. Sicinga ukuba yimfihlo yethu leyo esika amandla okuqhubela phambili nomsebenzi omhle esiwenzayo," utshilo uThlopie Motsepe, owathatha iintambo emva kokuba uyise, uPatrice Motsepe, wonyulwa wanguMongameli weCAF kwiminyaka emine eyadlulayo eRabat, eMorocco.
"Sithetha ngomsebenzi ogqibeleleyo ngoba sidlalela ukuphumelela futhi akukho nto angasinqanda singafezekisi amaphupha wethu. Sinephupha elikhulu siyiSundowns. Sifuna ukuphumelela iCAF Champions League futhi sifuna ukuqhuba kakuhle nakwiClub World Cup.
"Xa uyintshatsheli, abantu baye bakwenze uzibone ubhetele kunabanye abantu. Yenze lo nto kulityalwe ngokuzimisela okwenzekileyo ebudeni bendlela. Kwisizini nganye kwiSundowns, siyazama ukungazigwagwisi. Siyakonwabela ukuphumelela iindebe - kodwa kufuneka sikhawuleze silibale ngalo nto ukuze sihlale silambele ezinye," utshilo uThlopie Motsepe.
Njengokuba iSundowns isabethwa ngumoya phezulu kwiBetway Premiership - kodwa ifuna ukwenza kakuhle nakwiNedbank Cup. Namhlanje ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya, iSundowns iza kudibana neSekhukhune United emdlalweni weNedbank Cup oza kube useLucas Moripe Stadium.
Angavuya uMiguel Cardoso ukuba angafumana indebe phambi kokuphakamisa eyeBetway Premiership anamathuba amaninzi kuyo ngaphezulu kwamanye amaqela asagilana ezantsi kweSundowns. Iqela eliphumeleleyo liza kudibana neKaizer Chiefs emdlalweni olandelayo weNedbank Cup
Related Topics: