Prudence Sekgodiso ushiye iintanga zakhe kugqatso olungumgama oyi800m kwiveki ephelileyo wafumana imbasa yegolide.
Image: AFP
Imbaleki eyaziwayo kwihlabathi jikelele, uPrudence Sekgodiso, ithi inxanelwe impumelelo ngakumbi emva kokubhala iincwadi zembali kwiveki ephelileyo. UPrudence uzenzele udumo ngokuba yimbaleki yokuqala eMzantsi Afrika elinenekzi ezuze imbasa yegolide kwiWorld Indoor Championships.
Oku kwenzeke emva kokuba uPrudence eqhumisele ngothuli iimbaleki zehlabathi wafumana indawo ephambili kumgama oyi800m kwixesha elingaphantsi kwemizuzu emibini (1:58:40) kwitumente ebibanjelwe eChina kwisixeko ekuthiwa yiNanjing.
Emva kokoyisakala ezamile emidlalweni ye-Olimpiki ebibanjelwe eParis, eFrance, kunyaka ophelileyo - kuyabonakala ukuba uPrudence ayimtyhafisanga lo nto. Ngoku uhamba ekhondweni likaCaster Semenya owagqugqisa ihlabathi kwicandelo lezembaleki kwakhala iintangazakhe eYurophu ezamakhela amayelekenqe awamkhupha ekubalekeni angekafuni ukuyeka.
Yena uSekgodiso, oseneminyaka engamashumi amabini anesithathu, unethuba elihle lokwenza ngaphezulu kunoSimenya oliqhawe eMzantsi Afrika. Ethetha emva kokubuyela kwakhe eMzantsi Afrika, uSekgodiso uthe ebesazi ukuba ikhona into angayizuza - kodwa kumothusile akuzuzileyo.
"Ndiye phaya ndisazi ukuba ndiza kubuya nayo imbasa - kodwa kundothusile ukufumana imbasa yegolide. Amalungiselelo wam ahambe kakuhle ngoba bendike ndayibaleka i800m phambi kokuhamba kwam," itshilo imbaleki yaseLimpopo emva kokugaleleka nezinye iimbaleki kwisikhululo seenqwelomoya eKempton Park ekuqaleni kwale veki.
"Ndiyazi ukuba abantu balindele lukhulu kum xa ndisebalei - kodwa ke ndizimisele ukwenza okusemandleni wam ndibonise ihlabathi ukuba ndingubani. Ndiza kuqhubela phambili nendlela esiziqeqesha ngayo ngoba ndicinga ukuba siza kuyifumana imbasa naseTokyo ekuthambekeni kwalo nyaka.
"Ukhona umahluko phakathi kokubaleka ngendlela eqhelekileyo naxa ubaleka endaweni evaliweyo. Kodwa ndingatsho ukuba ndiyakonwabela ukubaleka endaweni evaliweyo. Ndizimisele ukwenza ngcono kwixesha elizayo. Apho ndikhoyo, ndifuna ukubuya nembasa," uvale ngaloo mazwi uSekgodiso.
Related Topics: