Ezemidlalo

Kuxhomekeke kuMzantsi Afrika ukuya kwi2026 Fifa World Cup!

Pedro Mapelo|Published

Umqeqeshi waBafana Bafana, uHugo Broos, nomncedisi wakhe oqeqesha oonozinti phambi kokudlala neBenin izolo.

Image: Backpagepix

UHugo Broos usecicini lokuwubuyisela kwitumente yehlabathi uMzantsi Afrka owagqibela ukudlala kuyo ngonyaka ka2010. Njengokuba aBafana Bafana bethe gabhu emidlalweni ehlakulela i2026 Fifa World Cup, banethemba njengokuba bethe ngcu kwindawo yokuqala kuGroup C.

Oku kwenzeke emva kokuba aBafana Bafana becambalise iLesotho ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni obunzima kakhulu ePeter Mokaba Stadium, ePolokwane, ngorhatya langoLwesihlanu ogqithileyo. Emva kokuzuza impumelelo kwiveki ephelileyo, ngoku uMzantsi Afrika unamanqaku alishumi.

Ulandelwa yiBenin enamanqaku asibhozo. Nangona uMzantsi Afrika kufuneka uyiphumelele imidlalo ojongene nayo - kodwa umsebenzi uza kwenziwa lula yiNigeria ekunyanzelekileyo iwabethe onke amaqela akuGroup C ukuze ikwazi ukuya kwitumente yehlabathi. Ukuba iBenin, iLesotho neZimbabwe ziyabethwa yiNigeria - lo nto iza kuncedisa uMzantsi Afrika osebenzela ukuncamathela phezulu kuGroup C ekupheleni kwemidlalo.

Iqela elibambe indawo yokuqala kuGroup C liya ngqo kwi2026 Fifa World Cup. Kodwa abambe iindawo zesibini aza kudibana kuphume elinye elinyukayo. UMzantsi Afrika kufuneka uyiphephe lo nto ngokuphumelela imidlalo. Kule veki kunyanzelekile ubethe iBenin.

Kufunqukile ukuzithemba enkampini yaBafana Bafana emva kokuncedwa ngaagowuli afakwe nguRelebohile Mofokeng noJayden Adams emdlalweni ogqithileyo. "Kwiintsuku ezigqithileyo, bendike ndatsho ukuba iNigeria iza kusincedisa," utshilo uBroos emva komdlalo echwayitile ePolokwane.

"Ibethe iRwanda ngoLwesihlanu odlulileyo ngoba kunyanzelekile iqokelele amanqaku. Nokuba iNigeria idlala neliphi iqela, kunyanzelekile iphumelele yona. Okwangoku thina siyishiya ngamanqaku amane yona.

"Thina kufanele senze umsebenzi wethu ngoba iNigeria iza kusinceda. Nangona kunjalo, kubalulekile ukungazenzi ubudenge emdlalweni esiya kuwo e-Ivory Coast," utshilo uBroos phambi kokudibana neBenin emdlalweni oza kuba seStade Felix Houphouet-Boigny.