• Iindaba
  • Ezemidlalo
  • Ezoyolo
  • Izimvo
  • Entsimini
  • Entsimini English
  • English
I'solezwe lesiXhosa
I'solezwe lesiXhosa liphephandaba lesiXhosa elipapasha iindaba yonke imihla kumnatha wonxibelelwano. Singooqal'azive abahleli bebaze iindlebe ngeenjongo zokuphakela wena, mfundi wephepha, iindaba ngokukhawuleza nangobunjalo bazo.
Sections on Isolezwe lesiXhosa
  • Iindaba
  • Ezemidlalo
  • Ezoyolo
  • Izimvo
  • Entsimini
  • Entsimini English
  • English
Our network
  • Athlone News
  • Atlantic Sun
  • Bolander
  • CapeTowner
  • Constantiaberg Bulletin
  • DFA
  • False Bay Echo
  • I'solezwe lesiXhosa
  • Northern News
  • Plainsman
  • Sentinel News
  • Southern Mail
  • Southern Suburbs Tatler
  • TableTalk
  • Vukani
  • DurbanLocal
© 2025 Independent Online and affiliated companies. All rights reserved.
Press CodePrivacy PolicyTerms & ConditionsAdvertise with usContact UsComplaints Procedure
Ezemidlalo

UNcobo uthi mabohlukane nokuzeya abantu baseMpuma Koloni

Pedro Mapelo|Published 1 month ago

Ongumphathi wePremier Soccer League, uMnu. Ace Ncobo, uthi abantu mabohlukane nokuzeya nokusengela phantsi iMpuma Koloni ngoba inembali etyebileyo kakhulu. UMnu. Ncobo ebephakathi kwezithethi ezihloniphekileyo ezitshintshiselene ngeqonga kwintlanganiso yocweyo eMphekweni Resort, eNgqushwa, ebekhukhangelwa kuyo indlela yokuqinisa isikhokelo nophuhliso olucacileyo kwicandelo lezemidlalo.

Kwintetho yakhe yosuku, okaNcobo ubongoze abantu ngelithi mabalijonge iphondo labo njengendawo yoovulindlela, abantu abenza imbali nenguqu elizweni lonke. "Siyazela thina kweli phondo futhi sinomkhwa wokulisengela phantsi," utshilo uNcobo egumbini ebeligcwele iinkokeli ezikhokela imidlalo ngokwahlukana kwayo eMpuma Koloni.

"Asikwazi ukugqamisa okuzuzwa ngabantu balapha ngenxa yenkolo ethi: 'umntu akanconywa esiva'. Lo nto isiphuce ithuba lokufunqulana. Akuxokwa xa kusithiwa iMpuma Koloni likhaya lamagqala ngoba imbali iyangqina. Eli phondo livelise abantu abagqwesileyo ukusuka kwezemidlalo, kwezempilo, kwezemfundo ukuya ekulweleni inkululeko," utshilo uNcobo.

Le ndedeba yakuGatyane ithe ibhola ekhatywayo yinto engaphezulu komdlalo ngoba yamvulela amathuba. Yongeze ngelithi yimidlalo eyamnika ithuba lokuva igama layo libizwa kunomathothola nokuzibona kwiphephandaba. UNcobo ngumzekelo ocacileyo (kwabasezilalini) obonisayo ukuba imidlalo iguqula ubomi babantu nokuba baphuma kwiindawo ezihlelelekileyo.

"Injongo yale nkomfa ayikokuqinisa ukhuphiswano, koko ingokuguqula ubomi babantu. Umsebenzi wesikhokelo kwezemidlalo kukubumba iingqondo zabasakhulayo ukuze bakwazi ukwakheka baphephe izinto ezimbi ekuhlaleni," utshilo. "Ingaba uyintoni umsebenzi wenu entlalweni yoluntu? Uphakathi, wakha iinkokeli zangomso okanye ulinde inguqu endaweni yokuyenza? Ewe, iingxaki zikhona kodwa masingemi ngenxa yezinto ezisiphazamisayo.

"Iphondo lethu masiliphakamise njengendawo yabantu abacingayo nabavelisa izinto ezintsha eziluncedo. Ixesha lokuzithandabuza liphelile. IMpuma Koloni yindawo yembali futhi efanelwe yimbeko," uvale ngaloo mazwi uNcobo ngokwengxelo ekhutshwe lisebe kuFacebook.

Ace Ncobo ongumphathi wePremier Soccer League ukhuthaze abantu baseMpuma Koloni ukuba baphakamise indawo yabo entlanganisweni yeenkokeli zemidlalo ebiseMphekweni kwiveki ephelileyo.

Image: DSRAC/Facebook

Related Topics:

ecsportconference