Ezemidlalo

UMzantsi Afrika uyibeke izandla iLesotho yaswayela ecaleni

Pedro Mapelo|Published

URelebohile Mofokeng ushaye igoli lakhe lokuqala eqenjini lesizwe ngesikhathi linqoba iLesotho kowokuhlungela iNdebe yoMhlaba

Image: BACKPAGEPIX

Wenze umtsi oya phambili kwakona uMzantsi Afrika kwiinzame zawo zokuya kwitumente yehlabathi emva kokuzuza amanqaku amathathu. Oku kwenzeke emva kokuba uyibeke izandla yaguqa phantsi iLesotho equthiswe ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni obubanjelwe ePeter Mokaba Stadium ngorhatya lwanamhlanje.

ABafana Bafana, abathe chu nokuvelisa iziphumo ezincumisayo emidlalweni yabo, baphinde badlalela ebaleni ebeligcwele abalandeli bebhola ekhatywayo ngokufanayo nakwimidlalo egqithileyo. Nakubeni aBafana Bafana bekulindeleke baphumelele ebaleni labo - kodwa bekunzima kakhulu emdlalweni ngoba iLesotho ibihleli emva ikhabela kude zonke iibhola eziza kuyo kwisigaba sokuqala somdlalo obumhle ePolokwane.

UPercy Tau, uLyle Foster noMokwana bazamile ukukhabela ezipalini - kodwa ngelishwa labo, unozinti weLesotho ebethe qwa. Emva kokuxhathisa kakuhle kwisigaba sokuqala, iLesotho inyanzele uMzantsi Afrika ukuba uye kwixesha lokuphumla ungabhalisanga ebhodini.

Kuye kwanyanzeleka ukuba uHugo Broos akhangele amanye amaqhinga okuwisa udonga leLesotho. Emva kwemizuzu elishumi kwisigaba sesibini, uRelebohile Mofokeng ubhakuzelise umnatha emva kokudlalelwa ibhola entle emhlabeni kanozinti.

Ukusukela ngoko, aBafana Bafana banyuse umxakatho bekhangela igowuli lokuqinisekisa impumelelo. Yenzekile lo nto ngegowuli elifakwe nguJayden Adams obeqala ukufumana igowuli kwiqela lesizwe. Umsebenzi uye wanzima kakhulu kwiLesotho ngoba aBafana Bafana bebekwelinye izinga.

UMzantsi Afrika uphumelele ngamagowuli amabini kwelinye watsho wafumana amanqaku amathathu oye emdlalweni wanamhlanje uwadinga ngalo mhla wamalungelo oluNtu kwilizwe loMzantsi Afrika.

Ngoku aBafana Bafana baza kundwendwela iBenin, abaza kudibana nayo ngoLwesibini weveki ezayo, bekhuthazekile. Kunyanzelekile ukuba bazame ukuyibetha iBenini ukuze umsebenzi wabo wokuya kwitumente yehlabathi ube khaphukhaphu.