Ziintshatsheli ezintsha kulo nyaka iProgress emva kokubetha iFB United emdlalweni wokugqibela weSuper Rugby 14 obubanjelwe eNelson Mandela Bay Stadium, eGqberha, kwimpelaveki egqithileyo.
Image: Super 14/Facebook
Esinye isiqendu seSuper Rugby 14 esinike umdla kakhulu sivalwe ngomdlalo obusemgangathweni ophezulu futhi ongasoze ulityalwe ngabalandeli bombhoxo. IProgress iphakamise indebe ityeli lesithathu emva kokuba ingombe iFB United ngo'40-29 emdlalweni wokugqibela weSuper 14 obuseNelson Mandela Bay Stadium, eGqeberha, emalanga ngoMgqibelo odlulileyo.
Ukuphumelela kwayo iProgress kubethelele indawo yayo phakathi kwamaqela aphambili emdlalweni wombhoxo eMpuma Koloni. Nakubeni kuye kwaphumelela iqela elinye - kodwa omabini amaqela avale itumente akufanele ukunconywa ngoba athubeleze ebunzimeni kwiEC Super 14 ebilushica.
IProgress igoduke ithe qhiwu indebe ekhatshwe ngamashumi amahlanu amawaka erandi (R50.000), kanti yona iFB United ibuyele ekhaya ixoliswe ngamashumi amathathu amawaka erandi (R30.000). Umsebenzi owenziwe yiFB United uyancomeka ngoba ikwazile ukufumana amandla emva kokungaqhubi kakuhle kwiBrutten 10 edlalelwe eMonti kunyaka ophelileyo.
Umqeqeshi weProgress omtsha, uShaun Oliver, uzivuyele kakhulu iziphumo ezincumisayo eziveiswe ngabadlali bakhe. Wenze iinguqu ekuqaleni kwemidlalo yeSuper 14. Libethiwe iqela lakhe emidlalweni yokuqala - kodwa liye lakhula ngokuhamba kwemidlalo lade lafikelela ekugqibeleni.
Kodwa oyena mntu ovuye kakhulu nguDenvick Davids onguKapteni wayo iProgress eziintshatsheli zeSuper 14 kunyaka ka2025. "Ndibulela uThixo osikhuseleyo. Mandenze umbulelo kuSihlalo, kumagosa empilo nakubadlali beqela abalwele ukuphumelela ukuze konwabe abalandeli abaphumileyo namhlanje," utshilo uDavids emva komdlalo.
"Kuba sinabadlali abaninzi abasakhulayo, kumnandi kubo ukuphumelela indebe okokuqala. Badlale kakuhle kakhulu futhi impumelelo iza kusikhuthaza njengokuba sijonge ukudlala kwiGrand Challenge. Liwonga elikhulu kum ukukhokela iProgress. Injongo ephambili kum ibikukubuyisa isidima seProgress njengeqela eliphambili embhoxweni waseMpuma Koloni. Ndivuya kakhulu," utshilo uDavids.
Related Topics: