UHugo Broos ongumqeqeshi waBafana Bafana noRassie Erasmus oqeqesha Amabhokobhoko aziintshatsheli zehlabathi embhoxweni badibene emcimbini weCastle Lager kutshanje.
Image: Facebook
Umqeqeshi waBafana Bafana, uHugo Broos, uxelele abeendaba ukuba uvene noRassie Erasmus ngokusebenzisana ngemiba echaphazela amaqela esizwe. Aba ngqondongqondo babini bancokole kwindibano ebiququzelelwe nguCastle Lager.
URassie Erasmus ngumanqanqa emdlalweni wombhoxo owoyikwa lihlabathi lonke emva kokunceda Amabhokobhoko aphumelele itumente yehlabathi izihlandlo ezibini zilandelelana. Kanti yena uBroos ubuyise isidima saBafana Bafana abafumene indawo yesithathu kwiAfrica Cup of Nations kunyaka ophelileyo.
Kwiiveki ezidlulileyo, uRassie ebesenkampini nabadlali bakhe eNtshona Koloni - apho aqale khona amalungiselelo esizini entsha netumente yehlabathi elandelayo afuna ukuyiphumelela kwakhona. Kanti yena uBroos ulungiselela ukuthatha aBafana Bafana abase kwiAFCON eza kube ibanjelwe eMorocco ekuthambeni kwalo nyaka.
URassie Erasmus uxelele abalandeli bakhe kwikhasi lonxibelelwano ukuba zikhona izinto azifunde kuBroos acinga ukuzisebenzi kwiqela lakhe lesizwe. Umqeqeshi waBafana Bafana usamkele isimemo sikaRassie Erasmus othe kufuneka aziphe ithuba atyelele enkampu yeSpringboks xa silungiselela imidlalo yaso.
"Ibiyintlanganiso emnandi kakhulu. Sivumelene ukuba siza kumemana ukuze sixoxe ngeendlela esisebenza ngazo kula maqela wethu. Kundivuyise kakhulu ukudibana naye," utshilo uBroos. Iqela lesizwe lebhola ekhatywayo lilungiselela ukudibana neLesotho emdlalweni ohlakulela i2026 Fifa World Cup oza kube usePolokwane ngempelaveki.
Related Topics: