UManqoba Mngqithi ngumqeqeshi omtsha weGolden Arrows.
Image: File
Emva kweminyaka engaphezulu kweshumi uManqoba Mngqithi wemkayo kwiGolden Arrows, ubuyele kuyo kwakhona ekuqaleni kwale veki. Oku kulandela ukuchongwa kwakhe njengomqeqeshi omtsha weGolden Arrows. UMngqithi ubuyela ebholeni ekhatywayo emva kokuthi khebevu kancinci ekhaya. Ekupheleni konyaka ka2024, uMngqithi wazibhaqa sele engenamsebenzi emva kokugxothwa kwakhe yiMamelodi Sundowns ngenxa yokungaqhubi kakuhle ekuqaleni kwesizini.
Ufana nonyana wolahleko obuyele ekhaya emva kokuhambela kude ekhaya ixesha elide. UMngqithi, 53, wenziwa umqeqeshi oyintloko kwiGolden Arrows ngo2007. Wemka kuyo eyinike indebe phambi kokuqeqesha AmaZulu ngonyaka ka2010. Zange ahlale kakhulu kwiGolden Arrows ngo2012 wathathwa nguPitso Mosimane owayenikwe uxanduva lokuvusa iMamelodi Sundowns eyathenga abadlali ababizayo emalini - kodwa bengavelisi nto ebambekayo ebaleni.
Uhleli kwiSundowns asebenze kuyo noMosimane, uRulani Mokwena noSteve Komphela kwade kwangunyaka ophelileyo emva kokuphumelela inqwaba yeendebe eMzantsi Afrika nakwizwekazi le'Afrika. Ubuyela ekhaya ngoku enamava athe chatha ebholeni ekhatywayo. Akukuhlanga ncam kwiGolden Arrows ngoba ihleli kwindawo yeshumi elinanye kwiBetway Premiership. Inamanqaku angamashumi amabini ewafumene emidlalweni elishumi elinesixhenxe.
Ngaphandle kwamathandabuzo, umsebenzi kaMngqithi ophambili iza kuba kukuqinisekisa ukuba Abafana Bes'thende bavala isizini kwindawo ehloniphekileyo. Amaqela angenamandla okuphumelela indebe yeBetway Premiership alwela ukungena kwiTop 8 ethi iwanike ithuba lokudlalela iMTN8 Cup ehamba nezigidi ezisibhozo zeerandi rhoqo xa kuqala isizini entsha. Ukubuyela kwakhe uMngqithi kwiqela elifana neGolden Arrows akothusi ngoba uvana kakhulu nomnikazi walo, umama uMato Madlala okwayingqonyela ebambeleyo yePSL.
Related Topics: