Abadlali beKaizer Chiefs ebaleni labo eNaturena kutshanje. Umfanekiso: Kaizer Chiefs/Facebook
UNasreddine Nabi, uphinde waqinisekisa ukuba uzibophelele ngokupheleleyo kwilinge lakhe lokuvuselela iKaizer Chiefs nakubeni ekhala ngabaqeqeshi abathile abajongela phantsi umsebenzi wakhe. Oku kuvakaliswe nguNabi emva kokuba iChiefs ibethwe yiMamelodi Sundowns ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eLucas Moripe Stadium ngempelaveki.
Nakubeni iziphumo bezizibi - kodwa uNabi wonelisekile yindlela abadlale ngayo abadlali bakhe. Kwinyanga edlulileyo, uNabi ubongoze abalandeli beChiefs ukuba babe nomonde ngoba ngokutsho kwakhe kunzima ukuvusa iqela elinethuba elide lingaqhubi kakuhle.
Nakubeni engalibizanga igama lomntu athi akahloniphi umsebenzi awenzayo kwiChiefs, nguPitso Mosimane obecatshulwe esithi ayicacanga kakuhle into eyenziwa nguNabi. Amakhosi asahleli kwindawo yesixhenxe, afumene amashumi amabini anesihlanu amanqaku emidlalweni elishumi elinethoba kwiBetway Premiership.
"Kufanele agxekwe umqeqeshi. Leyo yinxalenye yomsebenzi esiwenzayo. Ubethwa emidlalweni emine, abantu banelungelo lokugxeka," utshilo uNabi koonondaba phambi kokulumkisa abalandeli ngabantu abangafuni ukuyibona ibuyela phezulu ebholeni yaseMzantsi Afrika. "Kufuneka balumke abalandeli beChiefs inkqubo yethu iza kuthatha ixesha elide.
“Yiminyaka elishumi yonke isiya phambili iphinde ibuye umva. Ngamanye amaxesha kubakho abantu abangafuniyo ukubona iinzame zakho ziphumelela. Baye bagxeke umqeqeshi ukuze agxothwe," utshilo uNabi owongeze ngelithi maninzi amaqela amfunayo awakhabileyo ngoba akekho semva kwemali.
"Zininzi izinto ezithethwa ngabantu kumajelo eendaba. Kukaninzi ndifunwa ngamaqela athembisa ukundinika imali engaphezulu kwale yeChiefs. Ndiyayihlonipha into endizokuyenza kwiChiefs. Andiqhutywa yimali emsebenzini wam. Ndiyayithanda iChiefs futhi andingomntu otyhafa lula ngoba ndomelele.
“Ndizimisele ukuncama yonke into ukuze ndiqinisekise ukuba iChiefs ibuyela kwindawo yayo. Singaxgekwa - kodwa ndikubona njengendelelo ukugxekwa ngabanye abaqeqeshi. Ndiyayazi into endiyenzayo futhi iza kulunga," utshilo umqeqeshi weChiefs eza kudibana neStellenbosch FC emdlalweni weNedbank Cup ngempelaveki eGqeberha.
Related Topics: