Amakhosi neMamelodi Sundowns emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe eLucas Moripe Stadium. Umfanekiso: Facebook
Inkqenkqeza phambili ngamanqaku alishumi elinesibhozo ngoku iMamelod Sundowns. Oku kwenzeke emva kokuba ibethe iKaizer Chiefs ngegowuli elinye eqandeni emdlalweni weBetway Premiership emalanga ngoMgqibielo odlulileyo obubanjelwe eLucas Moripe Stadium.
Kubonakala ngathi ngeke kubekho qela elikwaziyo ukuyiphazamisa iSundowns phezulu emva kokuba i'Orlando Pirates iguqiswe phantsi yiMarumo Gallants ngamagowuli amabini eqandeni eDr Molemela Stadium ngorhatya loMgqibelo odlulileyo.
Umqeqeshi weSundowns, uMiguel Cardoso, uvumile ukuba baphumelele nzima eLucas Moripe Stadium ebigcwele imi ngeembambo. Igowuli elifakwe nguLucas Ribeiro kwisigaba sokuqala somdlalo linike iSundowns amanqaku amathathu emdlalweni obubambene.
Amakhosi ebebhoke kakhulu esiswini ebesilawulwa nguThabo Cele noYusurf Maart - kodwa abadlali beSundowns bakwazile ukugqobhoza bafumana amanqaku apheleleyo okwesibini kule sizini eqhubekayo.
Amathuba okufaka amagowuli ebekhona macala - kodwa iChiefs ayikwazanga ukuwasebenzisa awayo. "Besisazi ukuba iChiefs iza kugcwalisa abadlali esiswini. Lo nto isinike ithuba lokusebenza kakuhle emacaleni. Yindlela leyo esifumene ngayo igowuli ngoku bona bebelawula isisu," utshilo umqeqeshi weSundowns emva komdlalo.
Abadlali beChiefs emaphikweni bazamile ukuvala iinzame zethu - kodwa besisazi ukuba kungavuleka phaya emva siza kulifumana ithuba lokufaka igowuli. "UPeter Shalulile no-Iqraam Rayners bakwazile ukuyivula iChiefs emva kwavela ikroba elisetyenziswe nguLucas Ribeiro. Umdlalo wona ubunzima kakhulu ngoba umqeqeshi weChiefs ebewulungiselele kakuhle.
Inabadlali abadlala kakuhle iChiefs nayo - kodwa andifuni kuthetha ngoba imidlalo enje inyusa imimoya ebantwini. Izinto zahamba kakuhle - kodwa kube kubi ngamanye amaxesha. Ndonwabile kokwenzeke emdlalweni noxa bekunzima," utshilo umqeqeshi weSundowns eza kudibana neGolden Arrows emdlalweni weNedbank Cup emalanga ngoMgqibelo wale veki.
Related Topics: