Abadlali beMamelodi Sundowns bevuyela ukubetha iSekhukhune United emdlalweni weBetway Premiership izolo. Umfanekiso: MS/Facebook
Umqeqeshi weMamelodi Sundowns, uMiguel Cardoso, uvakalise ukungonwabi yindlela imidlalo yeqela lakhe esondelelene ngayo. Le ndedeba ikuthethe oku emva kokuba iSundowns ingombe iSekhukhune United ngamagowuli amane kwamabini emdlalweni weBetway Premiership obubanjelwe ePolokwane izolo ebusuku.
Amagowuli ephumelele ngawo umdlalo iSundowns afakwe nguThapelo Morena, uLucas Suarez, Arthur Sales noLucas Ribeiro ohamba phambili ngokufaka amagowuli kwiBetway Premiership kule sizini eqhubekayo. Ngoku iSundowns ivule umsantsa weshumi elinesihlanu wamanqaku ngasentla kwePirates ehleli kwindawo yesibini.
Njengokuba iSundowns ibidlala ngempelaveki egqithileyo naphakathi evekini, ngempelaveki iza kudibana neKaizer Chiefs kwakhona. Zezo zinto kanye ezingamphathanga kakuhle uCardoso othi amanye amaqela ayalifumana ithuba lokuphumla - kodwa elakhe lidlaliswa rhoqo.
"Ndiza kuyiphinda into ebendike ndayithetha. Into eyenziwa iSundowns iphambene. Indlela edlaliswa ngayo ayiqhelekanga futhi ayilungelanga abantu," utshilo umqeqeshi emva komdlalo.
"Ndicinga ukuba yinto efuna ukuqwalaselwa ngoba andiyazi ukuba yenziwe njani. Siza kuzama sisiya phambili kodwa," utshilo uCardoso izolo. Ibikade ihamba emva iSundowns ngemidlalo ngenxa yokuba idlala nakwiCAF Champions League - kodwa iPirates ekwiChampions League isadlale imidlalo elishumi elinesihlanu engaphantsi kakhulu kweyeSundowns.
Related Topics: