uArthur Zwane uza kuqeqesha AmaZulu yedwa emva kokuhamba kukaVusumuzi Vilakazi. Umfanekiso: AmaZulu
Ingxelo ekhutshwe izolo ithi uArthur 'Phakimpi' Zwane uza kuba ngumqeqeshi oyintloko yedwa ngoku ukuya phambili kule sizini eqhubekayo. Oku kulandela ukuhamba kukaVusumizi Vilakazi okothuse abantu abaninzi ebholeni ekhatywayo.
AmaZulu athi asemkele isicelo sikaVilakazi sokubeka phantsi njengomqeqeshi oyintoko obebambisene noZwane. UMnikazi weqela, uMnu. uSandile Zungu, uyalele ukukhululwa kwakhe uVilakazi ngoko nangoko ukuze uZwane akwazi ukuqhwaya impi athathe iqela alise phambili.
Akukho sizathu esichaziweyo esibangele uVilakazi athathe isigqibo sokufulathela AmaZulu amchole elahliwe yiRichards Bay FC phambi kokuqala isizini ka2024/25 kunyaka ophelileyo. Emva kokuphucula izifundo zakhe zokuba ngumqeqeshi osemgangathweni ophezulu, kwakulindeleke ukuba uVilakazi aqhubele phambili nokuqeqesha iRichards Bay awayisindisa ezembeni kunyaka ka2024.
Kodwa zange kube njalo ngoba umphathi wakhetha ukuza noBrandon Truter aye wamgxotha ingafikanga nasehafini isizini. UZwane noVilakazi basebenze kakuhle kakhulu kwelona qela elidala kwiphondo laKwaZulu-Natal.
Nakubeni bengabaqeqeshi abasakhulayo kwicala lokuqeqesha amaqela ebhola ekhatywayo kwiPSL - kodwa bakwazile ukususa AmaZulu emsileni ejingelwa lizembe bawabeka kwindawo yesihlanu emva kokuyiqala kakubi isizini phantsi komqeqeshi waseSpain owagxothwayo.
Akungeke kube yingxaki ukusebenza eyedwa uZwane ngoba unamava ngoba unamava okuqeqsha iKaizer Chiefs eminyakeni egqithileyo. Amandla wakhe uZwane aza kuvavanywa xa AmaZulu esamkela iCape Town City emdlalweni weBetway Premiership oza kube ubanjelwe eKing Zwelithini Stadium emalanga ngeCawe.
Emva kokuphumelela kwimpelaveki egqithileyo, AmaZulu anethuba lokufumana amanye amanqaku apheleleyo ngoba iCape Town City ibethwa macala onke. Nangona uMuhsin Ertugral efike wenza ezibukwayo ngokubetha amaqela amakhulu aseSoweto - kodwa emva koko khange kuphinde kubekho into ecacileyo ayenzileyo.
Related Topics: